ISIU IPHANDA IIPROJEKTHI ZASEBUFFALO CITY

By  Lilitha Mdakana

BUFFALO CITY — UMongameli uCyril Ramaphosa ugunyazise iSigqeba esiPhicotha iMicimbi Engekho Mthethweni (SIU) ukuba siphande iiprojekthi ezintandathu ezinxulumene noMasipala waseBuffalo City Metropolitan Municipality (BCMM) kunye neBuffalo City Metropolitan Development Agency (BCMDA).

Olu phando lugunyaziswe phantsi kweProclamation 350 ka-2026, kwaye luza kugxila kwizityholo ezibandakanya ulawulo olugwenxa, urhwaphilizo, ukuziphatha kakubi kunye nokusetyenziswa gwenxa kwemali yoluntu.

Phakathi kweeprojekthi eziphantsi kophando kukho iMdantsane NU2 Swimming Pool, iWater World, ukuchithwa kweendonga ezikhoyo, kunye nokususwa kodonga lwaseDonkin nokufakwa kocingo lwe-palisade.

I-SIU iza kuphanda iinkqubo zokuthengwa kweenkonzo, iikhontrakthi kunye neentlawulo ezinxulumene nezi projekthi ukuze kuqinisekiswe ukuba iinkqubo zilandelwe ngokomthetho nokuba imali yoluntu isetyenziswe ngendlela efanelekileyo.

Uphando luza kubandakanya izenzo ezenzeke phakathi komhla woku-1 kuJanuwari 2016 nowe-18 kuSeptemba 2026, kuquka nokuphanda ukuba ngaba kukho amagosa okanye ababoneleli beenkonzo abaye bazuza ngokungekho mthethweni.

Iprojekthi yeMdantsane NU2 Swimming Pool yenye yezona ziphambili kolu phando, emva kokuba ihlale ixesha elide ingagqitywanga nangona kuye kwachithwa imali eninzi kuyo.

Ukuba i-SIU ifumana ubungqina bolwaphulo-mthetho, lo mbandela unokudluliselwa kwiNational Prosecuting Authority (NPA) ukuze kuthathwe amanyathelo asemthethweni. I-SIU ikwanokulandela iinkqubo zok ubuyisa imali yoluntu ekusenokwenzeka ukuba ilahlekile.

Olu phando luyinxalenye yemizamo yokomeleza uxanduva nokungafihli kolawulo, nokuqinisekisa ukuba imali yoluntu isetyenziselwa ukuphucula iinkonzo noluntu.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯