
Isithuba se-RECEPTIONIST e-Vincent
#EkhayaIspan | 💯
Isithuba se-RECEPTIONIST e-Vincent, eMonti, eMpuma Koloni.
Sifuna umntu ozimiseleyo, onobubele, nokhuthalele umsebenzi we-RECEPTIONIST ukuze azimanye nathi kwisalon yethu yobuhle (beauty salon).
UXANDUVA LO-MSEBENZI:
* Ukwamkela nokuncedisa abaxhasi xa befika, ngexesha loku-odola kwabo, naxa bemka.
* Ukuqinisekisa ukuba yonke imithetho neendlela zokusebenza ze-Front Office ziyalandelwa ngokwemigangatho ebekiweyo.
* Ukuphendula iifowuni, ukwenza umsebenzi we-ofisi, nokuphendula imibuzo yabaxhasi.
* Ukulawula isitokhwe (stock) nempahla yesalon.
* Ukufaka iinkcukacha kwikhompyutha (data capturing) nokugcina iincwadi zemali (basic bookkeeping).
* Ukunceda abaxhasi ngemibuzo nezikhalazo de boneliseke ngokupheleleyo.
* Ukuqinisekisa unxibelelwano oluhle phakathi kwabaxhasi, osebenza nabo, namanye amasebe.
* Ukusombulula iingxaki jikelele.
IIMFUNO ZOMSEBENZI:
* Ube nazo ulwazi namava okusebenza kwisalon yobuhle (kunyazelekile).
* Ukwazi unxibelelwano nokuphatha kakuhle abaxhasi.
* Ube ngumntu ohleleke kakuhle, ozimiseleyo, nothembekileyo.
INDLELA YOKUFAKA ISICELO:
Thumela i-CV yakho kule imeyile: nakhoglambar@gmail.com

