ISIKOLO SASE-MNDUNDU J.S.S. SISHIYWE SISIMBAMBANE NGEMVA KWEZONAKALISO

ISIKOLO E-MNDUNDU J.S.S SISEMNGCIPHEKWENI EMVA KWEZONAKALISO

Isikolo iMndundu J.S.S esiphantsi koWard 14 sijongene nemeko enzima emva kwemvula ibihamba nomoya eshiye yonakalisile kule ndawo kwezi veki zidlulileyo.

Umoya onamandla ushiye isikolo sonakele kakhulu, nto leyo ekhokelele ekubeni abafundi banyanzelwe ukufundela phandle ngenxa yokungakhuseleki kwamagumbi okufundela.

> Le meko yoyikekayo iye yaphazamisa kakhulu inkqubo yokufunda nokufundisa, nto leyo ebangela ukuba abazali kunye nabo bonke abachaphazelekayo babe nexhala elikhulu ngemali-nqubo kunye nempumelelo yaba bafundi kulo nyaka wezifundo.

>

Ngokwengxelo yesikolo, amagumbi okufundela amahlanu kunye ne-ofisi zolawulo zonakele kakhulu, kwaphinda konakala nezixhobo zemfundo. Le meko ichaphazela abafundi abayi-139 kunye nabasebenzi besikolo abayi-6.

‎Abaphathi besikolo babhalele iSebe lezeMfundo becela uncedo olungxamisekileyo, kuquka namagumibi ethutyana (mobile classrooms) ukuze kuqhubeke ukufunda ngelixa kusalindwe ukwakhiwa kwakhona kwesikolo.

Uluntu lucela iSebe lezeMfundo kunye noMasipala waseMbhashe ukuba bangenelele ngokukhawuleza ukunceda ekwakheni kwakhona esi sikolo ukuze abafundi bakwazi ukufunda kwindawo ekhuselekileyo nefanelekileyo.

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯