Inkondekazi yakwCentane idutyulwe yabulawa kwikhaya layo

Inkondekazi (89) Idutyulwe Yabulawa Kwikhaya layo KuCentane

 

Abakwantsana baphanda ityala lokubulawa kwenkondekazi eminyaka engama-89 edutyulwe yabhubha kwikhaya lalo kwindawo yaseSigangala, eNonyembezi kuCentane ngoLwesithathu ebusuku malunga nentsimbi ye-Shumi ebusuku.

 

Ngokwengxelo ixhoba belilele nomzukulwana walo oneminyaka eli-17 ngethuba kufika izigelekeqe zamadoda amabini angaziwayo. Omnye kubo, exhobile ngezulu lezandla, unyanzele omnye umzukulwana (27) ngompu ukuba ayokunkqonkqoza emnyango kwindlu ibilele lo mhakhulu.

 

Uthe xa evula, umrhanelwa kuthiwa uzenze ngathi ufuna imali ngaphambi kokuba amdubule emzimbeni ongaphezulu. Ixhegwazana libhengezwe njengelibhubhele kwindawo yesiganeko.

 

UMkomishinala wePhondo eMpuma Koloni, uNjengele Vuyisile Ncata, ugxeke esi sehlo waza wadlulisa amazwi ovelwano kusapho.

“Sidlulisa uvelwano olunzulu kusapho, ingakumbi kubazukulwana ababini abaye babona esi sehlo sibi. Umntu omdala kufuneka azive likhuselekile ekhayeni lakhe. Asizukuphumla de abo benze esi sehlo babanjwe,” utshilo uNcata.

 

Akukho mntu ubanjiweyo okwangoku, kwaye abarhanelwa abakaziwa.

 

Amapolisa acela nabani na onolwazi ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku-08600 10111 okanye asebenzise i-MySAPS App.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯