INDODA (40) IBANJWE NGOMPU NOMONJUZI ONGENAMVUME E-CENTANE.

Umpu ongenamvume eMsento.

Indoda eneminyaka engu-40 ibanjwe kwilali yaseMsento, eCentane, emva kokuba amapolisa ethe ayifumana inepistoli kunye nomonjuzi ongenamvume  ngexesha lokujikeleza kwawo, umhla wama-31 Kucanzibe 2026.

Ngokutsho kwamapolisa, amagosa ebesenza umsebenzi wawo wokuqinisekisa ukhuseleko endleleni iQolora, xa ebone umntu ohamba ngeenyawo ephethe into ebonakala ngathi ngumpu. Kwakuba amapolisa esondela kuye, lo mntu kuthiwa uzamile ukubaleka, kodwa amagosa amlandela waza waphumelela ukumbamba.

Amapolisa ayihluthile loo mpu kunye nomonjuzi, yaye lo msolwa ubanjelwe ityala lokufunyanwa enompu ongenamvume  kunye nokufunyanwa enomonjuzi ngokungekho mthethweni.

Lo msolwa kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi yaseCentane namhlanje, ngoMvulo, umhla woku-1 kweyeSilimela 2026.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯