
Ubundlobongela Nokuphanga Emva Koqhankqalazo LwaseJeffreys Bay
JEFFREYS BAY – UMasipala waseKouga ugxeke kakhulu ubundlobongela, ukuphanga kunye nezenzo zolwaphulo-mthetho ezilandele uqhankqalazo lwangoLwesine eJeffreys Bay malunga nomba wokungena kwabantu abangekho semthethweni kweli lizwe.
Ngokolwazi oluvela kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS), malunga **neevenkile ezingama-23 zaphangwa** ngexesha lezidubedube. Abantu ababini badutyulwa kwaye bafumana unyango esibhedlele. Akukho mntu uphulukene nobomi bakhe.
UMasipala uvakalise umbulelo kwi-SAPS, kwicandelo lePublic Order Policing (POP), kuMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika (SANDF), kwiinkampani zabucala zokhuseleko, kwiiFora zaMapolisa oLuntu (Community Policing Forums), koonogada boluntu nakwabanye abachaphazelekayo abathe bancedisa ekuphenduleni kule meko.
UMasipala ukwamkele ukubanjwa kwabantu abangama-69 abarhanelwa ngezityholo ezinxulumene nobundlobongela boluntu. Ezi ziganeko zenzeke eMadiba Bay, ePellsrus naseOcean View.
UMasipala waseKouga uthe ukuthintela ulwaphulo-mthetho nokukhusela ukhuseleko loluntu luxanduva lukarhulumente wesizwe. Ucele ukuba i-SAPS inikwe izixhobo ezingakumbi, abasebenzi kunye nobuchule obukhethekileyo ukuze kuliwe ulwaphulo-mthetho, kuqinisekiswe izigwebo kwaye kuphuculwe ukhuseleko kuluntu.
UMasipala uphinde wacacisa ukuba awunagunya ngokomthetho lokuvuma, ukuququzelela, ukulawula okanye ukuthintela uqhanqalazo loluntu. La mandla, ngokutsho kwawo, aphantsi kwe-SAPS kunye nabaququzeleli boqhankqalazo ngokwemigaqo yoMthetho olawula iindibano zoluntu (Regulation of Gatherings Act).
Nangona kungakhange kubekho zicwangciso zolunye uqhanqalazo okwangoku, uMasipala uthe usaqhubeka nokunxibelelana ne-SAPS kunye namanye amaqela ukuze ajonge imeko.
UMasipala waseKouga uphinde wagxininisa ukuba akukho sizathu sinokuthethelela ubundlobongela, ukuphanga, ukuzigweba ngokwakho okanye ukonakaliswa kwempahla, nokuba zeziphi izizathu ezibangela uqhanqalazo. Ucele ukuba abo benza ulwaphulo-mthetho bathathelwe amanyathelo ngokomthetho.
Abahlali bacelwe ukuba bahlale bezolile, balugatye ubundlobongela, bahloniphe umthetho kwaye baxele naluphi na ulwaphulo-mthetho kwi-SAPS. UMasipala uthe uza kuqhubeka nokusebenza norhulumente namahlakani oluntu ukubuyisela uzinzo nokugcina iKouga ikhuselekile.
