UGQR WASEKOMANI UBONELELWE NGEBHAYI NGEZITYHOLO ZODLWENGULO.

UGQR WASEMPUMA KOLONI UKHULULWE NGEBHAYI EMVA KWEZITYHOLO ZODLWENGULO KWIPRAKTHIZI YASEKOMANI

Ugqirha oneminyaka engama-42 ubudala waseMpuma Koloni ukhululwe ngebhayi ye-R5,000 emva kokuvela kwiNkundla kaMantyi yaseKomani ngezityholo zodlwengulo.

UGqirha Phiwe Jetro Jafta ubanjwe ngentsasa yangomhla we-18 kweyoMdumba (Februwari) 2026 ngamalungu eyunithi yamaPolisa oMzantsi Afrika ajongene noBundlobongela baseKhaya, uKhuseleko loMntwana kunye neziGqitho zeSondo (FCS) eKomani.

Ngokutsho kwesithethi samapolisa, uCaptain Yolisa Mgolodela, esi sehlo kuthiwa senzeke ngomhla we-11 kweyoMdumba 2026. Kubikwa ukuba inkazana eneminyaka engama-22 utyelele kule prakthizi kagqirha ngenjongo yokunikela ngeziselo zabantwana abancinci kwi-PJ Jafta Foundation.

Amapolisaatyhola ngelithi lo gqirha uye wathembisa le nkazana ngokumhlola umzimba wonke mahala, njengendlela yokubulela ngalo mnikelo. Ngexesha lolo hlolo, lo mmangali uthi ugqirha uye wamdlwengula ngenkani.

Kukwakholeleka ukuba uye walumkiswa ukuba angakhali njengoko bekukho abanye abaguli kule ndlu yotyando. Emva kwesi sehlo, kuthiwa lo mmangali uye wanikwa ivawutsha yokuthenga iphilisi yokuthintela ukukhulelwa (morning-after pill), njengoko kuthiwa esi senzo senzeke ngaphandle kokhuselo.

Lo mba uqale waxovulwa kwisikhululo samapolisa saseMlungisi, emva koko wadluliselwa kwiyunithi ye-FCS eKomani ukuze kuqhutywe uphando olunzulu, nto leyo ekhokelele ekubanjweni kwalo gqirha.

Kulindeleke ukuba abuyele enkundleni ngomhla wama-30 kuTshazimpuzi (Apreli) 2026 ngelixa uphando lusaqhuba.

UKhomishinala wamaPolisa kwiSithili, uMajor-General Rudolph Adolph, ukhuthaze ukuba kuqhutywe uphando olucokisisekileyo, esithi naye nabani na owaphula umthetho kufuneka ajongane nemiphumo yawo epheleleyo.

Uphando lusaqhuba.

 

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯