I-EFF IVULELA U-OSCAR MABUYANE ITYALA LOBUQHOPHOLOLO

Umbutho we-EFF uvulele iNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni, u-Oscar Mabuyane, ityala lobuqhophololo malunga nenkqubo yakhe ye-Masters kwiYunivesithi yaseFort Hare.

USihlalo we-EFF eMpuma Koloni, u-Zilindile Vena, uthi eli tyala balivule kwisikhululo samapolisa eKuGompo City namhlanje.

Kutshanje u-Mabuyane uphulukene netyala lakhe ngokuchasene ne-Nkokeli ye-EFF, u-Julius Malema, apho wayefuna isithintelo sokunqanda izityholo zokungathembeki azenziwa ngu-Malema.

USihlalo we-EFF eMpuma Koloni kunye no-Commissar Ncedo Kolanisi bagxininise ukuba eli nyathelo lijolise ekuqinisekiseni ukuba ezi zityholo ziyaphandwa ngokupheleleyo ngabasemagunyeni.

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯