𝗨𝗹𝘂𝗻𝘁𝘂 𝗹𝘄𝗮𝘀𝗲𝗡𝗴𝗾𝗲𝗹𝗲𝗻𝗶 𝗹𝘂𝘁𝗵𝗮𝘁𝗵𝗮 𝗶𝗻𝘆𝗮𝘁𝗵𝗲𝗹𝗼 𝗹𝗼𝗸𝘂𝗻𝗰𝗲𝗱𝗮 𝗶𝘀𝗶𝗸𝗼𝗹𝗼 𝗲𝘀𝗮𝘁𝘀𝗵𝗮𝘁𝘆𝗮𝗹𝗶𝘀𝘄𝗮 𝗻𝗴𝘂𝗺𝗹𝗶𝗹𝗼

By Lilitha Mdakana

 

𝗨𝗹𝘂𝗻𝘁𝘂 𝗹𝘄𝗮𝘀𝗲𝗡𝗴𝗾𝗲𝗹𝗲𝗻𝗶 luthathe inyathelo lokuncedisa ekubuyiseleni imeko yase𝗡𝗴𝗾𝗲𝗹𝗲𝗻𝗶 𝗦𝗲𝗻𝗶𝗼𝗿 𝗦𝗲𝗰𝗼𝗻𝗱𝗮𝗿𝘆 𝗦𝗰𝗵𝗼𝗼𝗹, emva kokuba amagumbi okufundela esi sikolo 𝗮𝘁𝘀𝗵𝗮𝘁𝘆𝗮𝗹𝗶𝘀𝘄𝗲 𝗻𝗴𝘂𝗺𝗹𝗶𝗹𝗼 kwiminyaka esibhozo eyadlulayo.

Amagumbi okufundela 𝗮𝗺𝗮𝘁𝗵𝗮𝘁𝗵𝘂 atshiswa ngumlilo ngo-𝟮𝟬𝟭𝟴, nto leyo eshiye isikolo sijamelene 𝗻𝗲𝗺𝗶𝗻𝗴𝗲𝗻𝗶 𝘆𝗲𝘇𝗶𝗸𝗵𝗮𝗸𝗵𝗮 kunye nendawo yokufundela abafundi.

Ngoku uluntu lusebenza kunye 𝗲𝗸𝘂𝗾𝗼𝗸𝗲𝗹𝗲𝗹𝗮 𝗶𝗺𝗮𝗹𝗶 eza kusetyenziselwa ukulungisa la magumbi okufundela.

Usomashishini wasekuhlaleni 𝗨𝗩𝘂𝘀𝘂𝗺𝘇𝗶 𝗬𝗮𝘀𝗲 uphakathi kwabo babandakanyekayo kula manyathelo, njengoko uluntu luzama ukudlala indima 𝗲𝗸𝘂𝗽𝗵𝘂𝗰𝘂𝗹𝗲𝗻𝗶 𝗶𝗺𝗲𝗸𝗼 𝘆𝗲𝘀𝗶𝗸𝗼𝗹𝗼.

ISebe leMfundo leMpuma Koloni nalo linezicwangciso zokulungisa le ngxaki. Ngokwengxelo ye𝗦𝗔𝗕𝗖 𝗡𝗲𝘄𝘀, esi sikolo sifakwe 𝗸𝘄𝗶𝘀𝗶𝗰𝗵𝗲𝗻𝗴𝗲 𝘀𝗼𝗸𝘂𝗸𝗵𝗮 𝗻𝗴𝗮𝗸𝗵𝗮 𝗻𝗴𝗮𝗸𝗵𝗮 kunyaka-mali ka-𝟮𝟬𝟮𝟲/𝟮𝟳.

Eli Sebe lakha lanikezela ngee-𝗺𝗼𝗯𝗶𝗹𝗲 𝗰𝗹𝗮𝘀𝘀𝗿𝗼𝗼𝗺𝘀 𝗲𝘇𝗶𝗯𝗶𝗻𝗶 ngo-𝟮𝟬𝟮𝟯 ukuze abafundi bakwazi ukuqhubeka nokufunda ngelixa kusalindwe 𝗶𝘀𝗶𝘀𝗶𝘅𝗼𝗹𝗼 𝗲𝘀𝗶𝘀𝗶𝗴𝗺𝗶𝘀𝗵𝗮.

Iinzame zoluntu ziza njengendlela 𝗬𝗼𝗸𝘂𝗸𝗵𝘂𝗹𝗶𝘀𝗮 𝗶𝗻𝗸𝘅𝗮𝘀𝗼 𝗲𝗳𝘂𝗻𝗲𝗸𝗮𝘆𝗼 kwesi sikolo, ngelixa kusalindwe ukuqhubeka kweenkqubo zokwakhiwa ngokutsha.

Uluntu luthi 𝗶𝗻𝗴𝘅𝗮𝗸𝗶 𝘆𝗲𝘇𝗶𝗸𝗵𝗮𝗸𝗵𝗮 𝘇𝗲𝘀𝗶𝗸𝗼𝗹𝗼 ibalulekile ekuqinisekiseni ukuba abafundi bafumana 𝗶𝗻𝗱𝗮𝘄𝗼 𝗲𝗳𝗶𝗸𝗶𝗹𝗲𝘆𝗼 𝘆𝗼𝗸𝘂𝗳𝘂𝗻𝗱𝗮.

 

umboniso ngokuthwetyulwe ngabakwa Nova News

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯