NGUWO NGUWO | 💯 uMgidi Oonyana kaNkulumbuso weMpuma Koloni uOscar Mabuyane

NGUWO NGUWO | 💯 uMgidi Oonyana kaNkulumbuso weMpuma Koloni uOscar Mabuyane

nguLilitha Mdakana| 21 Julayi 2025

 

eNgcobo, eMpuma Koloni | Bekungumbo nomxesibe kwii ntaba zaseNgcobo ngenxa yemincili novuyo xa uPremier weMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ebesenza umnyhadala womgidi wonyana bakhe ababini, uHlumelo noLiyema, emva kokubuya entabeni . Lo msitho ububanzi, ubumnandi kwaye ugcwele isidima, utyelelwe ngamawaka abantu abebekunye nosapho lakwaMabuyane bebetha izandla, becula, kwaye behlonipha inkcubeko yamaXhosa.

 

Ngethuba lomgidi, kwabelwana ngomlayezo onentsingiselo omkhulu ovela kuMongameli uCyril Ramaphosa, nowathi:

Ubudoda abubangelwa kukudlula nje entabeni, kodwa bubonakala nakwindlela oziphatha ngayo, kwiinketho ozenzayo, nakwizinto ozithwalayo ebomini bakho.”La mazwi ayemothusa kwaye achukumisa ininzi, kuquka noPremier ngokwakhe, owathi: “Namanye amadodana abuya esuthwini angachol’anto kulo myalezo.”

 

UPremier uMabuyane uthathe ikhefu losapho ukusukela ngomhla wama-20 kuJuni ukuya kowe-23 kuJulayi, ukuze abe kunye nabantwana bakhe ngexesha lesi sigaba sibalulekileyo ebomini babo. Wabonakala eqhuba umgidi ngenkxaso epheleleyo, ehamba kunye nomoya wentlonipho nekratshi elikhulu njengotata nothunywa wamasiko.

 

Lo mgidi awukhange ube sisiganeko sokubhiyozela nje kuphela, kodwa ube ngumqondiso wokuqinisekisa izithethe, ukuhlonipha imvelaphi, kunye nokwakha indlalifa yezingcambu. Wayemile eqinile uMabuyane, eqinisekisa ukuba nangona engumongameli wombuso, usapho kunye nenkcubeko kusekuqaleni.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯