I-EFF igweba “uKumkani” waseKuGompo

I-EFF ithe yaphefumla ngengxwaba ngxwa egquba eKuGompo City.

 

Iqela le-Economic Freedom Fighters lithi iziganeko zodushe eziqhubekayo eKuGompo eMpuma Koloni zibonisa imfuneko yokucaca kwinkqubo yokwamkelwa kweenkokheli zesintu.

 

Oku kulandela ingxelo yokuthweswa kwesithsaba komntu ozibiza “ngoKumkani wesizwe sama-Igbo”, nto leyo ekhokelele kuxinzelelo kuladolophu.

 

Iqela lithi kuphela ngurhulumente, ngenkqubo esemthethweni equka uMphathiswa weCOGTA kunye noMongameli, onelungelo lokwamkela ooKumkani nooKumkanikazi eMzantsi Afrika.

 

I-EFF ithi nabani na ozibiza njengokumkani ngaphandle kwale nkqubo usebenza ngaphandle komthetho, kwaye oko akufanele kwamkelwe.

 

Iqela likwavakalise inkxalabo ngodushe olunxulumene nesi sehlo, olukhokelele kumonakalo kwizakhiwo kunye nokwenzakala kwabantu.

 

I-EFF ibongoza uluntu ukuba luzole, ngelixa ikhuthaza amapolisa ukuba athathe amanyathelo ngokuchasene nabo babandakanyekayo.

 

Kwakhona ikhuthaza urhulumente ukuba acacise iinkqubo zokwamkelwa kweenkokheli zesintu ukuze kuthintelwe iimeko ezifana nale kwixesha elizayo.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯