CAFU NO RODRIGUEZ BADIBANE UBUSO NGOBUSO NGAPHAMBI KOMLO ENZIMA YEMIBHOBHO

 

 

NguLilitha Mdakana | MON’T Agency | 16 Julayi 2025

Dallas, Texas – Kube yintsimbi engquzulwano eDallas Cowboys Stadium namhlanje emalanga, njengoko amaqhawe amabini angakoyiswayo kwihlabathi jikelele, Phumelela “The Truth” Cafu no Jesse “Bam” Rodriguez, bejongene ubuso ngobuso okokuqala ngaphambi komlo wangoMgqibelo.

Bobabini abafana baye bafika bezithembile, benxibe iisigcina-ilanga (sunglasses), kwaye akakho ofunileyo ukubuyela umva. Ngexesha lokujongana kwabo, uCafu wasusa izibane zakhe, kodwa uRodriguez wakholelwa kukugcina ezakhe.

Ndiza kuthatha ezo bhanti,” watsho uCafu ngesingqala. URodriguez wamphendula ngokuthi, “Siza kubona.”

Lo mlo uza kucacisa ukuba ngubani oyinkosi yokwenene kwi junior bantamweight division, njengoko kuza kulwelwa iindebe ezintathu ezinkulu: ibhanti yeWBO kaCafu, kunye neWBC neThe Ring Magazine titles eziphethwe nguRodriguez.

Umxhasi womlo, uEddie Hearn, uthethe no Colin Nathan, umphathi kaCafu, esithi: “Lo ngumlo ongcono kunayo yonke kweli candelo. Zombini ezi mbethi manqindi zikwizinga eliphezulu, kwaye ihlabathi lonke liza kubukela .”

UCafu, indoda yaseMpuma Koloni, sele ibonakalise ukuba ngumdlali onamandla, oneenyawo ezikhawulezayo kunye nokuqonda okuphezulu kwi-ring. Kodwa ngoku ujongene nomchasi onobuchule, onesantya kunye nesakhono sokuphendula, uRodriguez waseMelika.

Lo mlo uzakuba ngo Mgqibelo ebusuku, kwaye uza kusasazwa buphila ehlabathini lonke kwiDAZN, phantsi kwe Matchroom Boxing. Ngaphezu kweendebe, kulilifa eliza kugqitywa, kunye nendawo phezulu kwiluhlu labadlali abangcono kwihlabathi.

Uphuma ngu: NO DOUBT Management
Umhla: 15 Julayi 2025

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯