Great Kei Community Movement izibophelela kuphuhliso noluntu phambi kolonyulo lwasekhaya.

 

Umbutho wabahlali i-Great Kei Community Movement, ophantsi koMasipala wase-Great Kei, uthi uzinikele ngokupheleleyo ekusebenzeleni uluntu njengoko ulungiselela ulonyulo loorhulumente basemakhaya oluzayo.

Lo mbutho uthi usungule iphulo lokufikelela kubahlali kwiindawo ngeendawo, uhamba umzi nomzi ukwazisa abantu ngenkqubo yawo kunye neenjongo zophuhliso.

Umsunguli kwanokuba nguSihlalo walo mbutho, u-Loyiso Tshetsha, uthi umbutho sele ukhule ngokumangalisayo kummandla waseGreat Kei, nto leyo eqinisekiswa nangabaviwa bawo kwi-Wadi ezisixhenxe ezahlukeneyo.

UTshetsha uthi ngexesha lokudibana nabahlali kumaholo asekuhlaleni, umbutho wabelane ngezithembiso zawo eziza kuba sisiseko somsebenzi wawo ukuba ungena ebhungeni. Ezi zibandakanya:

 * Ukukhathalelwa kwabantu abadala.

 * Ukuphuhliswa kolutsha ngeenkqubo ezahlukeneyo.

 * Ukukhuselwa kwabantwana.

 * Ukuphuhlisa uqoqosho ngokutyala imali kwicandelo lezolimo.

Iinkokheli zalo mbutho kwimimandla eyahlukeneyo yaseGreat Kei zithi ziya kugxila kwezi zinto zibalulekileyo njengesiseko sophuhliso noluntu.

Okwangoku, lo mbutho uqhubeka nephulo lokugaya inkxaso njengoko ulungiselela ulonyulo lwasekhaya oluzayo.

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯