ISANEF IGXEKE UKUXHATSHAZWA KWEENTATHELI YI-MK PARTY

 

Iforam yaBahleli beendaba kuZwelonke (SANEF) ihlabe ikhwelo kumbutho iMK Party ukuba uyeke ukuxhaphaza nokoyikisa iintatheli.

Oku kulandela ukugxekwa okuthe kwajoliswa kumhleli wezopolitiko we-Business Day, uHajra Omarjee, emva kokuba exele ngeengxoxo ezimalunga nesiphithiphithi esinokubakho esinxulumene noqhankqalazo oluchasene nabafuduki.

IMK Party ikukhanyele ukunxulunyaniswa kwenkokeli yayo, uJacob Zuma, nasiphi na isiphithiphithi, isithi uZuma usoloko ekhuthaza uxolo nokuthotyelwa komthetho.

Iintatheli zinelungelo lokuphanda nokunika ingxelo ngemiba echaphazela uluntu ngaphandle koloyiko okanye ukoyikiswa,kutsho i-SANEF.

>

Lo mbutho ulumkise ngokuhlaselwa kwabasebenzi beendaba waza wabongoza amaqela ezopolitiko ukuba asebenzise iindlela ezisemthethweni zokufaka izikhalazo xa engonelisekanga ziingxelo zeendaba.

ISANEF ikwavakalise inkxalabo enkulu ngeengxelo zokuba iintatheli ziyaxhatshazwa ngexesha loqhankqalazo oluchasene nabafuduki eMpuma Koloni, KwaZulu-Natal naseRhawutini.

Lo mbutho ugxininise ukuba amajelo eendaba azimeleyo abalulekile kwidemokhrasi yethu, waza wabiza ukuba kupheliswe kwangoko izoyikiso nokuxhatshazwa okujoliswe kwiintatheli.

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯