HANDYMAN (General Worker), eMonti, eMpuma Koloni.

#EkhayaIspan | 💯

 

ISIKHUNDLA: HANDYMAN (General Worker), eMonti, eMpuma Koloni.

 

INKAMPANI: OWN HAVEN HOUSING ASSOCIATION NPC

INDAWO: EAST LONDON

UMVULO: R12,500 – R14,500 CTC

UMHLA WOKUVALA: 29 KWEYOMNGA (JANUARY) 2026

 

ISISHANKATHELO

Umntu okule sikhundla uya kuba noxanduva lokuqinisekisa ulungiso olusebenzayo lwezakhiwo ze-OHHA, kuthotyelwa zonke iimfuno zenkampani zezempilo nococeko. Oku kuquka ukulungiswa kwayo yonke imisebenzi emincinci yemibhobho yamanzi (plumbing) kunye nolungiso gabalala.

IMITHIYO ENGUNDOQO YOMSEBENZI (KPI’S)

* Ulungiso neziphaluka zolwakhiwo ezikhoyo ezirentiswayo.

* Ukuhlola iiyunithi neziphaluka zezakhiwo apho kufuneka khona.

* Ukuchonga iziphene, kunye nolungiso nezixhobo ezifunekayo ukusombulula iingxaki.

* Ukwenza imisebenzi yolungiso njengoko kuchaziwe kumakhadi omsebenzi (job cards).

* Ukwenza yonke imisebenzi yolungiso ejikeleze iindawo zokuhlala (complexes).

* Ukuchonga iimfuno zolungiso lwemibhobho yamanzi (plumbing).

* Ulawulo lwesitokhwe (stock control).

* Ukuthatha inxaxheba kumalinge oluntu amiselwe ngumbutho.

IIMFUNO EZINCINCI ZOMSEBENZI

* Isiqinisekiso seGrade 12 (kuyakhethwa lowo unayo).

* Ilayisenisi yokuqhuba esebenzayo.

* Ubuncinci bamava eminyaka emithathu (3) kwicandelo lemibhobho yamanzi (iplumbing) – (akukho mfuneko yakuba ube nesiqinisekiso esipheleleyo).

* Amava kwicandelo lezobugcisa okanye ulungiso lwezakhiwo.

INDLELA YOKUFAKA ISICELO

Ukufaka isicelo, nceda uthumele i-CV yakho kunye namaxwebhu axhasayo kule imeyile:

📧 vacancies@ownhaven.co.za

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯