uYusuf Cassim ubuyela kwezopolitiko kuZwelonke

 

UMongameli we-DA eMpuma-Koloni utyunjwe njengoSekela-Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo

uYusuf Cassim , umongameli we-Democratic Alliance (DA) kwiphondo leMpuma-Koloni, ulindeleke ukuba abuyele kwezopolitiko kuZwelonke emva kokutyunjwa kwakhe njengo Sekela-Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho . Olu tyumbo lwenziwa yinkokeli ye-DA,  uGeordin Hill-Lewis, owabhalele uMongameli  uCyril Ramaphosa ecela utshintsho kumaphathiswa nosekela-maphathiswa be-DA kurhulumente wobumbano (GNU).

UCassim, okwangoku lilungu leNdlu yoWiso-mthetho yePhondo kwaye ungumongameli wephondo, uza kungena esikhundleni esasingabanjwa nguMimmy Gondwe. Uneengcambu ezinzulu  kwezopolitiko zabafundi —waseka i-DA Student Organisation kwiYunivesithi yaseNelson Mandela, waza wanyulwa njengoMongameli we-SRC . Ukubuya kwakhe kumsebenzi kazwelonke kuthathwa njengokubuyela apho waqala khona, kuba usebenze kwikomiti yePalamente yeMfundo ePhakamileyo, elwela imiba yabafundi abahluphekayo.

Xa ethetha ngolu tyumbo, uCassim Uthi  akazange angene kwezopolitiko ngenxa yamabhongo obuqu, kodwa ukuze  ancede abafundi abavela kwiintsapho ezihluphekayo  abangakwazi ukuzifumanela imfundo ephezulu. Ugxile kwiingxaki zenkqubo ye-NSFAS nakwimithwalo yemali ejongene nabafundi.

Olunye utshintsho olucetywayo lubandakanya uJohn Steenhuisen oya kuba nguSekela-Mphathiswa wezoRhwebo, uWillie Aucamp njengoMphathiswa wezoLimo, noDavid Maynier kwiSebe lezeNdalo. Olu nshintsho kufuneka luvunywe nguMongameli Ramaphosa ngaphambi kokuba luqaliswe.

UHill-Lewis uthe olu tshintsho lubonisa  imigaqo ye-DA yokuphendula ngezinto ozenzileyo nokugcina imigangatho ephezulu kurhulumente. UCassim uthembisa ukulwela  ukufikeleleka kwemfundo ephezulu  kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika, ingakumbi abo bahluphekayo.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯