UPhando loMkhuseli woLuntu luveza ukusilela kwe-NSFAS ekuncedeni abafundi

By Lilitha Mdakana

EASTERN CAPE – Uphando loMkhuseli woLuntu luveze ukungasebenzi kakuhle kweNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS), nto leyo ethi ibeke emngciphekweni ilungelo labafundi lokufumana imfundo eyongezelelweyo.

Oku kuvele kwingxelo yophando olwenziwe nguMkhuseli woLuntu malunga nendlela esebenza ngayo le nkqubo inoxanduva lokubonelela abafundi ngenkxaso-mali yokufunda.

UMkhuseli woLuntu, uKholeka Gcaleka, uthe uphando lufumanise iingxaki ezinzulu kwiNSFAS, eziquka ukungazinzi kulawulo, ubuthathaka kulawulo lwemisebenzi kunye nokungasebenzi kakuhle kweenkqubo zangaphakathi.

Ngokutsho kukaGcaleka, ezi ngxaki zenze kube nzima kubafundi ukufikelela kwiinkonzo zeNSFAS xa befuna uncedo ngemali yokufunda.

I-NSFAS ayikwazi ukusombulula uninzi lwezikhalazo

Ingxelo iveze ukuba iNSFAS ayikwazanga ukusombulula malunga nama-80% emibuzo nezikhalazo ezithunyelwe ngabafundi kumaziko ayo onxibelelwano.

Oku kuphakamisa inkxalabo malunga nokukwazi kweNSFAS ukuphendula ngokukhawuleza nangempumelelokubafundi abaxhomekeke kuyo ukuze bafumane inkxaso-mali.

UGcaleka uthe ukusilela kweNSFAS kunye neSebe leMfundo ePhakamileyo kunefuthe elikhulu kubafundi, kuba kuchaphazela ilungelo labo lemfundo eyongezelelweyo elikhuselwe nguMgaqo-siseko.

Uthe indlela ezi arhente ziye zaphatha ngayo le micimbi ifikelele kwinqanaba elinokuthathwa njenge maladministration, okanye ulawulo olungelulo.

Ukutshintsha-tshintsha kobunkokeli

Ingxelo iphinde yagxininisa ukuba iNSFAS ibisoloko ijongene neengxaki zobunkokeli.

Ngokutsho koMkhuseli woLuntu, le nkqubo iye yachaphazeleka kukutshintsha rhoqo kweenkokeli kunye nokusetyenziswa kwabaphathi abasebenza okwethutyana.

Nangona ibhodi entsha yonyulwa ngo-2024 ngenjongo yokuzisa uzinzo kulawulo lweNSFAS, kwaphinda kwavela ukungazinzi emva kokuba enye ibhodi yonyulwa ngo-2025.

UGcaleka uthi olu tshintsho luphindaphindiweyo lwenza kube nzima ukuba iNSFAS ibe nobunkokeli obuzinzileyokwaye iphumeze izisombululo eziza kunceda abafundi ixesha elide.

Abafundi ngabona bachaphazelekayo

Iziphumo zolu phando ziza ngexesha apho abafundi abaninzi besoloko bechaza iingxaki ezinxulumene nokulibaziseka kwenkxaso-mali, unxibelelwano olungasebenzi kakuhle kunye nobunzima bokufumana iimpendulo kwiNSFAS.

Ingxelo kaMkhuseli woLuntu igxininisa ukuba iingxaki zolawulo kwiNSFAS zinokuba nefuthe elikhulu kubafundi abaxhomekeke kwinkxaso-mali ukuze bafunde kwiiyunivesithi nakwiikholeji zeTVET.

UMkhuseli woLuntu uthi kufuneka iNSFAS neSebe leMfundo ePhakamileyo zithathe amanyathelo okulungisa ezi ngxaki, kuquka ukuphucula ulawulo, iinkqubo zokusebenza kunye neendlela zokunxibelelana nabafundi.

Ingxelo ithi ukuphuculwa kwezi nkqubo kubalulekile ukuze kuqinisekiswe ukuba abafundi bafumana inkxaso-mali ngexesha, bakwazi ukuqhubeka nezifundo zabo kwaye bangaphazanyiswa ziingxaki zolawulo ngaphakathi kweNSFAS.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯