
UMRHANELWA OXHOBILEYO UDUTYULWE WABULAWA ELIBODE
By Lilitha Mdakana
Umsebenzi wamapolisa oqhubekayo wokuzingela abarhanelwa ababandakanyeka ekubulaweni kwamapolisa amabini eLibode ukhokelele ekubeni kudutyulwe kubulawe indoda eneminyaka engama-45 ubudala ekrokrelwa ukuba inxulumene nesi siganeko.
Lo msebenzi wamapolisa wenziwe ngoLwesibini, nge-22 Septemba 2026, eMpindweni Location, ngaphandle kwaseLibode. Amapolisa ebesele elandela ulwazi malunga nabasolwa ekubulaweni kwamaPolisa amabini, aneminyaka engama-51 nama-30 ubudala, awayedutyulwe nge-18 Septemba 2026 ngelixa ephendula kwingxelo yokuhlaselwa kwe spaza shop eZiphunzana Location, kufutshane naseMthatha.
Ngokwamapolisa, amagosa alandele umkhondo womrhanelwa aza aya kwikhaya lakhe, apho ambonise khona incwadi egunyazisa uphando lwendlu. Ngethuba lophando, umrhanelwa wacela ukuya kwindlu yangasese, kodwa kuthiwa waphuma kuyo waza waqalisa ukudubula emapoliseni.
Amapolisa aphendule ngokudubula ngenjongo yokuzikhusela, nto leyo eyakhokelela ekubeni umrhanelwa afumane amanxeba okudutyulwa abulalayo waza wasweleka kwindawo yesiganeko.
Amapolisa athi umpu ekurhanelwa ukuba usetyenziswe kuhlaselo ufunyenwe, logama ngexesha lokukhangelwa kweli khaya kufunyenwe izixhobo ezingekho mthethweni kunye neembumbulu ezininzi.
Uphando lusaqhubeka, njengoko amapolisa esaqokelela ubungqina malunga nokubulawa kwamapolisa amabini kunye nabanye abarhanelwa abanokuthi babandakanyeke kwesi siganeko.
