
Uluntu Lothukile Sisiganeko Sokudubulana Kwabantwana
by Thandokazi Zazi
Amatyala amabini, elokubulala kunye nokungakhathali ekukhuseleni isibhamu avuliwe kwisikhululo samapolisa iKwaaiman, emva kwesiganeko esibuhlungu apho inkwenkwana eneminyaka esixhenxe (7) idutyulwe yaze yasweleka, kulandela ukudutyulwa ngumzala wayo oneminyaka esibhozo (8), owasebenzisa umpu ogunyazisiweyo ongokaTata wakhe. Esi sehlo senzeke kwilali yaseNothintwa, kwindawo yaseNgcwanguba, Kwaaiman, phantsi koMasipala waseMqanduli, ngomhla we-2 kweyeDwarha, malunga nentsimbi ye-12 emini.
Inkwenkwana eneminyaka esibhozo (8) kuthiwa yafumana umpu kwigumbi lokulala likatata wayo, yawukhomba kumzala wayo, kwaze kwavulaleka imbumbulu ngoko nangoku ebangele ukufa komntwana. Ngenxa yoku, lo mntwana uneminyaka esibhozo ujongene netyala lokubulala, logama utata oneminyaka engama-48 ubekwe ityala lokungakwazi ukukhusela umpu ngendlela efanelekileyo.
Utata ukhululwe ngesilumkiso kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eMqanduli ngoLwesihlanu umhla wesithathu kweyeDwarha 2025, ejongene netyala lokugcina umpu kwindawo engekho khuselekileyo. Inkwenkwana yona iye yathunyelwa phantsi kolawulo lonontlalontle.
