
UFundile Gade Ugxeka Ukubulawa kukaZovuyo Mbana Ngumfundisi-ntsapho.
Fundile Gade Ugxeka Ukubulawa Kuka Zovuyo Mbana
Fundile Gade ugxeke kabukhali ukubulawa kuka Zovuyo Mbana, ekutyholwa ukuba ubulawe ngumsebenzi kwisebe lezemfundo kwiphondoleMpumaKoloni.
Kwingxelo ekhutshwe ngeCawe, uGade uthe wothuswe sesi sehlo, esithi umrhanelwa ngumfundisi-ntsapho kwaye ukwangu mfundisi wenkonzo.
UGade uthe isebe liyithatha nzulu le meko kwaye ngoku liyakhawulezisa amanyathelo ezobudlelwane emsebenzini kunye neendlela zomthetho ezinokuthi zithathwe ngakumsebenzi lowo.
Uthe isebe liza kuqhubeka lilandelela iinkqubo zenkundla, ingakumbi malunga nesicelo sebheyile.
“Ukuba inkundla iyala isicelo sebheyile, siza kumisa umvuzo wakhe size siqalise ngoko nangoko iinkqubo zokuphelisa isivumelwano sakhe somsebenzi,” utshilo uGade.
UGade ukwakhankanye ukuba esi sehlo sisisenzo sobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini, waza wadlulisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo bakaMbana.
Isebe lithe liza kuqhubeka lilandelela uphando kunye nenkqubela yetyala enkundleni.
