
Kubanjwe Amadoda amabini nemikhono yekati engekho mthethweni eNgqeleni
By Lilitha Mdakana
Amapolisa aseNgqeleni abambe amadoda amabini, aneminyaka engama-34 nengama -46,kwiziganeko ezimbini ezahlukeneyo ngezityholo zokubhaqwa nemipu engekho semthethweni kunye nembumbulu.
Kwisiganeko sokuqala, umsolwa oyindoda wabanjelwa endaweni yase-Mayalweni, eNomadolo A/A, emva kokuba abakwantsasana bemfumene enompu oluhlobo lwe-9mm ekutyholwa ukuba iinombolo zawo zokuchongwa zosuliwe, kunye neembumbulu ezisixhenxe
Ukanti Kwisiganeko sesibini nesenzeke e-Malungeni, apho kubanjwe khona indoda yesibini inompu oluhlobo lwe-9mm kunye neembulu ezili-12.
La madoda mabini avele phambi kwe-Nkundla kaMantyi yaseNgqeleni ngoMvulo, umhla we-3 kuAgasti 2026, ejongene namatyala anxulumene nokufunyanwa enezixhobo zomlilo neembumbulu ezingekho mthethweni.
Izixhobo zomlilo ezifunyenweyo ziza kuthunyelwa ukuba zihlolwe ziingcali ze-ballistics njengenxalenye yophando olusaqhubekayo, ngenjongo yokufumanisa ukuba azizange na zisetyenziswe kwezinye iziganeko zolwaphulo-mthetho.
