UBUSAZI ?
Ubusazi ?

Eligama lithi kuGompo , ligama elintsokothileyo nelinesingqi ingakumbi kumlando wohlanga lwama Xhosa.
Siqale kwi gama “Gompo “ Eli gama ke lizekelisa isandi esenziwa ngamaza olwandle xa ebetheka ematyeni afunyanwa phakathi kolwandle lakuGompo
Eligama liphethe igugu lika Xhosa , kuba kuGompo kwakulapho amasiko nezi thethe zeeNkosi zethu ayesenzelwa khona njengoko ulwandle lihlonitshwa nguXhosa kuba iminyanya ipha yaye neminye imiyalezo evela kwizinyanya ifumaneka elwandle ibuye izobhungwa kwiinkundla zakomawethu.
IsiXhosa sithi “ Kuyinkosi ukuzazi “
Ingabe wena mhlali zithini izimvo zakho?
