Tsebo Solutions Group – HOSTESS, eKuGompo City.

#EkhayaIspan | 💯

 

Tsebo Solutions Group ikhangela i–HOSTESS, eKuGompo City, eMpuma Koloni.

 

 

INKCAZO NGOMSEBENZI

 

I-Fedics ifuna Ward Hostess oza kusebenza kumagumbi ezigulana esibhedlele. Umsebenzi ubandakanya ukunikezela ukutya (breakfast, lunch, supper kunye ne-snacks) kwindawo exakekileyo nenoxinzelelo.

 

 

IMISEBENZI EYINTLOKO

 

Ukunika izigulana amanzi abandayo rhoqo

 

Ukulungisa iti, ikofu kunye ne-snacks

 

Ukugcwalisa nokulawula i-menu cards

 

Ukulandelela utshintsho kwi-diet yezigulana

 

Ukuthutha ukutya ukusuka ekhitshini ukuya kumagumbi ezigulana

 

Ukuqinisekisa ukuba iitreyi zigqibelele ngaphambi kokunikwa izigulana

 

Ukucoca iitreyi kunye nezitya emva kokutya

 

Ukugcina izixhobo (cutlery) zicocekile kwaye zikhuselekile

 

Ukugcina ikhitchen ye-ward icocekile ngamaxesha onke

 

Ukugcina umfanekiso ococekileyo, unxibe kakuhle kwaye ube professional

 

 

 

IIMFUNO

 

Matric

 

Amava esibhedlele ayinzuzo

 

Ukusebenza phantsi koxinzelelo

 

Izakhono zonxibelelwano ezilungileyo

 

Ulwazi ngemigangatho ye-hygiene kunye nomgangatho (quality standards)

 

Ukuzimela nokusebenza ngaphandle kokugadwa kakhulu

 

Ukulungele ukusebenza ngeempelaveki kunye neeholide

 

 

 

IZAKHONO EZIFUNEKAYO

 

Ukuzimisela nokusebenza nzima

 

Ukunxibelelana kakuhle nabantu

 

Ukucwangcisa nokugcina ucoceko

 

Ukuguquguquka kwiiyure zomsebenzi

 

Ukubonakala ucocekile, neat kwaye professional

 

 

 

OKULINDELEKILEYO

 

Ukunika inkonzo esemgangathweni kwizigulana

 

Ukugcina imigangatho ephezulu ye-hygiene

 

Ukusebenza ngokukhawuleza nangokuchaneka

 

Ukugcina indawo yokusebenza icocekile kwaye ilungelelanisiwe

ZAMA NALAPHA >> WONGA TECHNOLOGIES – BOOKKEEPER, eBerea, eKuGompo City.

UMHLA WOKUVALA: 17 April 2026

Faka Isicelo Apha 👇

 

COFA APHA 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯