
PEDROS –PRODUCTION SUPERVISOR, eKuGompo City.
#EkhayaIspan | 💯
PEDROS ikhangela i–PRODUCTION SUPERVISOR, eKuGompo City, eMpuma Koloni.
INKCAZO YOMSEBENZI
Usupavayiza weMveliso ulawula kwaye akonze iinkqubo zemveliso, eqinisekisa ukusebenza kakuhle, ukhuseleko, kunye nemigangatho yephezulu lo gama evelela iqela lemveliso.
UXANDUVA OLUPHAMBILI
* Ukuvelela nokulungelelanisa imisebenzi yemveliso.
* Ukuqinisekisa ukuba imveliso ihlangabezana nemigangatho yomgangatho, yobungakanani, kunye nokuphathelele kukhuseleko.
* Ukwelusa nokuxhasa abasebenzi bemveliso ukugcina iqela elisebenzayo nelikhuthazekileyo.
* Ukucwangcisa amaxesha okusebenza, ukwaba imisebenzi, nokubeka iliso kwindlela abasebenza ngayo abasebenzi.
* Ukugcina ulawulo lomgangatho (quality control) ukuqinisekisa ukuba iimveliso zikhuselekile kwaye zihleli zikwizinga elinye.
* Ukwenza uhlolo rhoqo ukuthintela iziphene okanye ukungcoliseka kweemveliso.
* Ukumisela imithetho yezempilo nokhuseleko nokugcina indawo yokusebenza ikhuselekile.
* Ukulungisa nokunika ingxelo ngezinto ezinokubeka ukhuseleko esichengeni ngokukhawuleza.
* Ukubeka iliso kwisitokhwe semveliso nokulungelelanisa ukuzaliswa kwaso xa kukho imfuneko.
* Ukuqinisekisa ukuba izixhobo zemveliso zigcinwa zikwimeko entle nokucwangcisa ulungiso xa kufanelekile.
* Ukubeka iliso kwiithagethi (targets) zemveliso ukufikelela ekusebenzeni ngobuchule.
IIMFUNEKO ZOMSEBENZI
* IMatriki / iBanga le-12 (iDiploma okanye iDigri iya kuba lulutho).
* Iminyaka emi-2 ukuya kwemi-5 yamava olawulo kweli candelo lomsebenzi.
Umhla wokuvala: 16 kweyoKwindla (Matshi) 2026
Faka Isicelo Apha 👇
