Makazole Mapimpi usenokubuyela ebaleni

Umdlali weSpringboks uMakazole Mapimpi uthi ngokuchacha kwakhe emva kotyando.

Umdlali wabadlali bamabhokobhoko uMakazole Mapimpi usenokubuyela ebaleni njengoko ebuya kumonzakalo owamenza waphuma kwiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ka-2023 eyayiseFrance kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

UMapimpi wophuka isidlele kunye neliso elidumbileyo ngethuba iBoks ibetha iTonga ngo’49-18 ngomhla wokuqala kweyeDwarha.

Emva kokuba iiBoks zibethe iFrance kumdlalo wazo weNdebe yeHlabathi yombhoxo ngo’28-29 eParis ngeCawe, abanye abalandeli kumakhasi onxibelelwano bacele uMapimpi ukuba abuyele kwitumente bekholelwa ukuba angalinika iqela amandla kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi okanye owokugqibela.

Umanejala wezonxibelelwano weeSharks uNovashni Chetty kwindibano noonondaba ngoMvulo uthe uMapimpi wenze utyando kwaye usalulama ekhaya.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯