
Kubulawe Amadoda Amathathu eKwanobuhle
By Lilitha Mdakana
KWANOBUHLE – Amapolisa aseMzantsi Afrika (SAPS) eKwanobuhle aphenya ityala lokubulawa kwabantu abathathu emva kokufunyanwa kwezidumbu zamadoda amathathu ezinamanxeba okudutyulwa e Peace Village, eKwanobuhle, ngentsasa yangoMvulo, 3 Agasti 2026.
Ngokwengxelo yamapolisa, afumene umnxeba malunga nentsimbi ye-09:35 wokuba kukho izidumbu kumatyholo ajongeneneThuthula Street. Ekufikeni kwawo afumanise ukuba amadoda amathathu sele ebhubhile ngenxa yamanxeba okudutyulwa.
Amaxhoba achongwe njengo-Alwaba Toba (17), Ayabonga Jantjie (20) no-Bonginkosi Matunbu (22). Izazisi zabo ziqinisekiswe ngamalungu eentsapho zabo kwindawo yesiganeko.
Isizathu solu hlaselo asikaziwa, kwaye akukho mntu ubanjiweyo okwangoku. Ityala liphandwa li-Sebe loPhando loLwaphulo-mthetho oluMbi (SVCI).
Amapolisa acela nabani na onolwazi olunokunceda uphando ukuba aqhagamshelane nomphandi wetyala, uLieutenant Colonel Sithole, kule nombolo 082 457 2812.
Ulwazi lunokunikwa ngokungachazangaamagama ngokufowunela iCrime Stop ku-08600 10111 okanye kusetyenziswe iMySAPS App.
