Abahlali baseDuncan Village bakha izindlu phezu kwamangcwaba.

Image(s) by The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit (Face book page)

Abahlali baseDuncan Village bakha izindlu phezu kwamangcwaba.

The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit bafumene umba oxhalabisayo nophazamisayo. Zininzi izikhalazo zoluntu malunga nolwakhiwo lwamatyotyombe phezu kwamangcwaba eLujiza Cemetery eMonti. Oku kujongelwa phantsi ngokuphandle kobungcwele bendawo zongcwaba ezingcwele, asikuko ukunyhashwa kwamaLungelo oluntu nje kuphela, kodwa kukungahloneli ngokunzulu abangasekhoyo nentsapho zabo.

Intsapho ezithe zachatshazelwa yilemeko zishiyeke zingenandlela yokufuna ukukhutshwa kwezidumbu emadlakeni ngenxa yokuphazanyiswa kwabalele ukuthula kwabo babathandayo. Ezo zenzo zikhubekisa ngokunzulu, ngakumbi kwimeko yenkcubeko yama Afrika apho intlonipho kolandulele ibaluleke kakhulu. Ukwakhiwa kwalamatyotyombe kuyimbangela yokuxhatshazwa kwalamangcwaba, kusenziwa izinto ezingekho mthethweni eziquka ukutshiswa kobhedu kwakunye nokuqokelela iziyobisi, nto leyo eyandisa ingxaki. Ukusabela kwezi nkxalabo, The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit igqibe ekubeni ithathe inyathelo eliqilima.Idokethi lamaPolisa elijongene nabantu abanoxanduva lokwakha lamatyotyombe phezu kwamangcwaba liyakuvulwa. “Sikholelwa ekubeni kunyanzelekile ukugcina isidima sabalele ukuthula nokuqinisekisa ukuba indawo zabo zokuphumla ziyahlonitshwa.

Ngaphezu koko, sicela ukuthetha nomasipala ombaxa waseBuffalo City ukuze sixoxe kabanzi ngalo mba. Injongo yethu kufuna ingcebiso zomthetho malunga nokukhutshwa kwabantu abahlala kula matyotyombe kwintsuku ezingama shumi amathathu. Kubalulekile ukuba sithathe inyathelo lobuyisela ubungcwele bamangcwaba kunye nokhuseleko lwamalungu entsapho eziye zaphazeleka yile misebenzi ingafanelekanga” itsho iBhodi ye ECHRMP.

Sizakuqhubeka nokwazisa uluntu njengoko siqhubeka neenzame zethu zokulungisa lo mba. Ukuzinikela kwethu ekugcineni amalungelo oluntu kwakunye nesidima senkcubeko kuhlale kuzinzile.

eNCA and The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit at the seen

Oku kujongelwa phantsi ngokuphandle kobungcwele bendawo zongcwabaezingcwele, asikuko ukunyhashwa kwamaLungelo oluntu nje kuphela, kodwa kukungahloneli ngokunzulu abangasekhoyo neentsapho zabo. Intsapho ezithe zachatshazelwa yilemeko zishiyeke zingenandlela yokufuna ukukhutshwa kwezidumbu emadlakeni ngenxa yokuphazanyiswa kwabalele ukuthula kwabo babathandayo.

Ezo zenzo zikhubekisa ngokunzulu, ngakumbi kwimeko yenkcubeko yama Afrika apho intlonipho kolandulele ibaluleke kakhulu. Ukwakhiwa kwalamatyotyombe kuyimbangela yokuxhatshazwa kwalamangcwaba, kusenziwa izinto ezingekho mthethweni eziquka ukutshiswa kobhedu kwakunye nokuqokelela iziyobisi, nto leyo eyandisa ingxaki. Ukusabela kwezi nkxalabo, Isigqeba samaLungelo oluntu eMpuma Koloni igqibe ekubeni ithathe inyathelo eliqilima.

Idokethi lamaPolisa elijongene nabantu abanoxanduva lokwakha lamatyotyombe phezu kwamangcwaba liyakuvulwa. Sikholelwa ekubeni kunyanzelekile ukugcina isidima sabalele ukuthula nokuqinisekisa ukuba indawo zabo zokuphumla ziyahlonitshwa.

Image by The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit

Ngaphezu koko, siceba ukuthetha nomasipala ombaxa waseBuffalo City ukuze sixoxe banzi ngalo mba. Injongo yethu kufuna iingcebiso zomthetho malunga nokukhutshwa kwabantu abahlala kula matyotyombe kwintsuku ezilngama shumi amathathu. Kubalulekile ukuba sithathe inyathelo lobuyisela ubungcwele bamangcwaba kunye nokhuseleko lwamalungu entsapho eziye zaphazeleka yile misebenzi ingafanelekanga itsho iBhodi ye ECHRMP.

Sizakuqhubeka nokwazisa uluntu njengoko siqhubeka neenzame zethu zokulungisa lo mba. Ukuzinikela kwethu ekugcineni amalungelo oluntu kwakunye nesidima senkcubeko kuhlale kuzinzile.

Image(s) by The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit

ISSUED BY The Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit

Human Rights Department Eastern Cape Human Rights and Missing Person Unit

040 880 5011

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯