Kubanjwe Abantu Abayi-23 Ngenxa Yokusela Ezindleleni Zoluntu eQuigney

By Lilitha Mdakana

Abantu abayi-23 babanjwe ngamapolisa eSAPS eQuigney, eMonti, ngezityholo zokusela utywala kwiindawo zoluntu, kuquka nabanye abafundi. Oku kwenza inani labantu ababanjiweyo kwezi ntsuku zimbini zibe ngama-35.

Eli phulo liyinxalenye yemizamo yokubuyisela ukhuseleko eQuigney, apho amapolisa neenkokheli zoluntuzisebenzisanayo ukuqinisekisa ukuba iindawo zoluntu zikhuselekile kubahlali.

Kuthiwa kukho inkxalabo malunga nolutsha olusela utywala kwiindawo zoluntu, ingakumbi emva kokuba amagunya edibene nabantwana abaneminyaka ephakathi kwe 12 ne-15 befunyanwa besenza oko.

Amapolisa athi abanye bolu lutsha baye bazibeka esichengeni solwaphulo-mthetho, kuquka ukuphanga nokuxhatshazwa ngokwesondo.

Iphulo lokhuseleko liza kuqhubeka njengoko amagunya ezama ukulwa ulwaphulo-mthetho nokusetyenziswa gwenxa kotywala, logama kugxininiswa ekukhuseleni abatsha noluntu ngokubanzi.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯