Kutshiwo Ukutshintshwa Kwegama Lesixeko Esidumileyo SaseMpuma Kapa

 

IKomiti Yamagama Ezindawo eMpuma Koloni iqalise inkqubo yokutshintsha amagama ePort Alfred, iAlexandria kunye noMlambo iKowie, njengendawo yomzamo wokutshintsha amagama axhaphakileyo ngexesha lobukoloniyali aze kubuyiselwe amagama endabuko.

 

Intlanganiso yokuqala yokulungiselela le nkqubo ibibanjelwe ePort Alfred kwiveki ephelileyo, ibize abantu abangaphezu kwe-250, nto leyo ethe yavula ngokusesikweni inkqubo yokubonisana noluntu.

 

Amagama Acelwayo

 

Ngokweengcebiso:

 

Port Alfred ingaguqulwa ibe iCawa okanye iCoyi.

 

UmLambo iKowie ungabizwa ngokuba iQoyi.

 

Alexandria ingaguqulwa ibe Nkosi Chungwa okanye eMnyameni.

 

 

Usihlalo weBhunga Lamagama Ezindawo eMpuma Koloni, uChristian Martin, uthe le nkqubo ihambelana nemigaqo yamazwe ngamazwe yokubuyisela amagama akudala, echaza ukuba igama elithi “Kowie” livela ekuguqulweni kwegama lesiKhoi, kwaye iQoyi liguqulelo lalo ngesiXhosa.

 

“Amagama abekwe ngexesha lengcinezelo, afana neKowie kunye nePort Alfred, yayingengomagama nje angenantsingiselo — ayephinda esetyenziswa njengendlela yokuxela ubunini kunye nokucima inkcubeko,” utshilo uMartin.

 

Inkxaso Kunye Nokuphikiswa

 

Abo baxhasa le nkqubo bathi yindlela ebalulekileyo yokuhlonipha nokubuyisela ilifa lemveli. Ukanti nangona kunjalo,le ngcinga iphikiswe ngamandla ngabaphathi bamashishini, imibutho yezokhenketho kunye nabahlali abaninzi.

 

IPort Alfred ithathwa njenge “ntliziyo yeSunshine Coast” — indawo edumileyo yokuphumla phakathi kweGqeberha neMonti — kwaye itsala amakhulu abantu abavela eMzantsi Afrika nakwamanye amazwe.Iyonwabisa ngeelwandle, uhambo ngeenqanawa, ukuloba, ukusefa, ukuhamba ngeenyawo kunye nokubuka indalo.

 

Imibutho yezokhenketho yasekuhlaleni ilumkise ukuba ukutshintshwa kwegama kunokulimaza igama lale ndawo. Kwisibhengezo esidibeneyo, iSunshine Coast Tourism, iPort Alfred Business Forum, kunye ne Kenton Boesmans Chamber of Business and Tourism bathe:

 

> “Amagama ethu endawo ayinxalenye ebalulekileyo yenkcazo yethu. Ukuba aphazanyiswa, kungaphula iminyaka yokutyala imali ekwenzeni igama elithembekileyo, kwaye oko kungachaphazela uqoqosho lwengingqi.”

 

 

 

Impendulo Yeqela Lezopolitiko

 

Iqela leDemocratic Alliance (DA) libhalele uMphathiswa Wezemidlalo, uBugcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie, licela ukuba le sicelo siphikwe.Ngelithi ukhenketho lolunye lwezixhobo ezishiyekileyo zokukhulisa uqoqosho oluxakekileyo lwaseMpuma koloni , olukhule nge-0.1% kuphela kwikota yokuqala ka-2025.

 

“Ukutshintshwa kwamagama ePort Alfred neAlexandria kuya kubetha kakhulu igama lezokhenketho kunye noqoqosho lwezi dolophu,”itshilo iDA,ukongenza uphando olubonisa ukuba oku kunokubangela “umonakalo onganyangekiyo” kwintengiso yezokhenketho.

 

Abaphikisi baphinde bakhankanye iingxaki zenkonzo kwiNdlambe Municipality, ezifana nokunqongophala kwezindlu, iindlela ezonakeleyo, kunye neengxaki zamanzi, besithi imali kufuneka isetyenziswe kwezi nkonzo zisisiseko endaweni yeenguqu zophawu.

 

Amanyathelo Alandelayo

 

Intlanganiso yoluntu ihlehliselwe ngomhla we-10 kweyoMsintsi 2025 ukuze kuqokelelwe izimvo eziphangaleleyo. Usomlomo weNdlambe Municipality, uCllr Andile Marasi, umemelele wonke umntu ofuna ukuphawula ukuba azibhalise kwi-ofisi yakhe phambi komhla wentlanganiso.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯