ITYALA LIKA LUKHOLO KAFILE OSOLWA NGOKUBULALA U ANDA MLONDLENI LIMISWE DE KUBE NGOWE-11 KWEYOMSINTSI 2026.

Igqwetha lomtyholwa, *Lukholo Kafile,*otyholwa ngokudubula osele u Anda “Peaches “ Mlondleni  obengu nobhala e Mrhawu Holdings. Igqwetha lityhola amapolisa ngokuba ambethe ngenkohlakalo emva kokubanjwa kwakhe kwisikhululo samapolisa sase Cambridge. Konke oku kwenzeke ngo Lwesibini ngomhla we -14 Julayi 2026 enompu ongekho mthethweni kwakunye neembumbulu ngelixa ebanjwa e Beacon Bay ngamapolisa.

Ngokwengxelo yegqwetha, umtyholwa wacela uncedo lwezonyango kwiBrigadier  ngenxa yokonzakala kwakhe, kodwa olo ncedo akazange alufumane. Igqwetha likwacele inkundla ukuba umtyholwa abonise amanxeba nemivumbo esihlahleni sakhe njengobungqina bezityholo zokubethwa.

Kwakhona, igqwetha lityhole amapolisa ngokulithintela ekuboneni umtyholwa, lisithi laxelelwa ukuba amapolisa ayesamphanda ngelo xesha.

Urhulumente (State) uzikhabe zonke ezi zityholo, esithi azinasiseko. Uphinde waxelela inkundla ukuba eli lityala eliphantsi kwe Schedule 6, kwaye umtyholwa akakafaki sicelo sebheyile.

Emva kokuva ezi zityholo, umantyi uyalele ukuba umtyholwa asiwe kugqirha ukuze axilongwe aze afumane ingxelo yezonyango (medical report) eza kunceda ekuphandeni izityholo zokuba wabethwa ngexesha lokubanjwa kwakhe.

Ityala limiselwe umhla we-11 KweyoMsintsi 2026 ukuze kuqhutyekwe nenkqubo yenkundla.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯