Iinkokeli zoluntu zingenelela ekufeni kukaKungawo Ntabeni

Iinkokeli zoluntu zingenelela kwityala lokusweleka kukaKungawo Ntabeni

 

NGOKWENGXELO epapashwe nguPetros Majola weKhula Community Development Project, iinkokeli zoluntu eMzamomhle Township eGonubie zingenelele kwimeko yokusweleka kukaKungawo Ntabeni (15), logama usapho lusathi alonelisekanga yingxelo yoqhaqho mzimba.

 

Utata kaKungawo kunye namalungu osapho badibene neenkokeli zokuhlala becela ukuba kuphandwe ngokutsha kwaye kukhutshwe ingcaciso ecacileyo ngeemeko ezikhokelele ekuswelekeni kwentombi yabo. Baveze ukuba, nangona sele ikhona ingxelo yoqhaqho mzimba, basenemibuzo emininzi kwaye bafuna inyaniso epheleleyo.

 

Iinkokeli zoluntu zithi ziza kusebenzisana namagosa afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba uphando lwenziwa ngokucacileyo nangokungakhethi cala, ukuze kubekho uxolo eluntwini.

 

Ngeli xesha, amalungiselelo omngcwabo aqhubeka.

 

UKungawo uza kungcwatyelwa ngomhla wama-28 March 2026 eNgqamakwe, eNgcisininde, kwilali yaseSizindeni.

 

Usapho lucela inkxaso nokuthandazelwa ngeli xesha lentlungu.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯