ABASEBENZO ABA-14 BASE-SASSA E-MPUMA KOLONI BAGXOTHWE NGENXA YOBUSELA

eMpumakoloni- emva kokuba uphando luveze ubuqhophololo norhwaphilizo olumalunga nolawulo lwezibonelelo zikarhulumente.
Aba basebenzi, ababesebenza kwiiofisi eziquka i-Mdantsane, Komani, Libode, Idutywa, Duncan Village, Zwide naseQonce, batyholwa ngokubandakanyeka ekuvumeleni izibonelelo ngendlela engeyiyo , ukutshintsha iinkcukacha zebhanki zabaxhamli ngendlela engekho mthethweni, kunye nezinye izenzo zokungathembeki.
UMphathi we-SASSA kwiPhondo laseMpuma Koloni, u-Bandile Maqetuka , uthe i-arhente ayikunyamezeli nakancinci ukukhohlakala kwaye ulumkise ngokuba abasebenzi abaxhaphaza izikhundla zabo bajamelana nezigwebo zoluleko kunye namatyala olwaphulo-mthetho.
Amatyala la adluliselwe kwi-SAPS ukuze kuqhutywe uphando, ngeli lixa i-SASSA isebenzela ukufumana kwakhona malunga ne-R3 yezigidi zemali yoluntu ekuthiwa yalahleka ngenxa yolu qhophololo. Abanye abasebenzi abali-11 nabo bajamelene neenkqubo zoluleko okwangoku.
