IPRASA NE-TRANSNET ZIQINISA UKHUSELEKO KOLOLIWE NJENGOKO KUBUYISELWA IINKONZK ZOOLOLIWE E-MPUMA KOLONI

PRASA kunye ne-Transnet babhengeze amanyathelo amatsha okuqinisa ukhuseleko lweziseko zoololiwe emva kokuba kubekho ubusela obuqikelelwa ngaphezulu kwe-R10 miliyoni kummandla waseQonc . Esi siganeko sibangele umonakalo omkhulu kwiziseko zikaloliwe saza sachaphazela iinkonzo zothutho.
La maziko mabini atyale imali ekuphuculeni iinkqubo zokhuseleko, ukulungisa iziseko ezonakeleyo kunye nokuzisa oololiwe bale mihla ngenjongo yokubuyisela iinkonzo ngokupheleleyo.
Ngokutsho kwe- PRASA, ezi nzame ziza kunceda ukunciphisa ubunzima obujongene nabakhweli bemihla ngemihla, ziphinde zinciphise neendleko zothutho kubahlali base-Mpuma Koloni. Kukwalindeleke ukuba ukuphuculwa kweenkonzo kukhuthaze ukukhula koqoqosho ngokwenza ukuthuthwa kwabantu neempahla kube lula kwaye kuthembeke.
Abasemagunyeni bakwabongoze uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ngokuxela nabani na obandakanyeka kubusela okanye ekonakaliseni iziseko zikaloliwe, besithi ukhuseleko lwezothutho luxanduva lomntu wonke.
