Intombi yaseDutywa iza kumela uMzantsi Afrika eKenya.

 

Umntwana waseDutywa uza kumela uMzantsi Afrika eKenya kukhuphiswano lweLittle Miss Africa

DUTYWA – Ulonwabo luxutywe nexhala kusapho lakwaManganyelwa eColosa, eKomkhulu eMurus, eDutywa, apho intombi eneminyaka eli-14 ubudala iza kumela uMzantsi Afrika kukhuphiswano lwe Little Miss Africa oluza kubanjelwa eKenya ngomhla we-2 kuTshazimpuzi 2026.

Uhambo lukaKamva oluya eKenya

UKamva Manganyelwa ukhethwe ukuba abe ngummeli weli lizwe emva kokungenela ukhuphiswano lwaseMzantsi Afrika ngomhla we-2 kuAugust 2025, apho waqaqamba wade wafumana ithuba lokungena kwinqanaba lehlabathi jikelele.

Imingeni ejongene nosapho

Nangona eli lithuba elikhulu nelinika ithemba, usapho lukaKamva lujongene nemingeni yemali njengoko kufuneka ahambe ngomhla we-26 kuMarch 2026 esiya eKenya. Iindleko ziquka:

 * Uhambo (amaphepha okuhamba neenqwelo-ntaka).

 * Indawo yokuhlala eKenya.

 * Impahla yokhuphiswano nesinxibo sesiko.

 * Izinye iimfuno ezinxulumene nokumela ilizwe kumgangatho wamazwe ngamazwe.

Isibongozo seluncedo kuluntu

Usapho luthi luzingca kakhulu ngempumelelo kaKamva, kodwa lucela inkxaso kuluntu, amashishini nakubaxhasi abanokuthi bancede lo mntwana afezekise iphupha lakhe.

Kulilungelo elikhulu kumntwana wasezilalini ukufumana eli thuba. Siyacela inkxaso ukuze akwazi ukumela uMzantsi Afrika ngesidima,” kutsho usapho.

 

Inkcukacha zoncedo noqhagamshelwano

Ukuba unqwenela ukuxhasa eli phupha, nceda usebenzise ezi nkcukacha zilandelayo:

Iinkcukacha zebhanki:

* Igama: K. Manganyelwa

* Ibhanki: Capitec

* Inombolo ye-akhawunti: 2330244459

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe:

* Inombolo yoqhagamshelwano: 082 866 2616

Naluphi na uncedo, nokuba luncinci kangakanani, luza kwenza umahluko omkhulu kuhambo lukaKamva oluya kumela uMzantsi Afrika kwiqonga laseAfrika.

 

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯