
INKUNDLA IGQIBE KWELITHI UKUXINANA KWABANTU KWABANGELA UKUSWELEKA KWABANTU ABANGAMA-21 E-ENYOBENI
INkundla yeNgingqi yaseKuGompo City igqibe kwelokuba abantu abatsha abangama-21 ababhubha kwintlekele yase-Enyobeni Tavern eScenery Park, eMonti, ngoJune ka-2022, babhubha ngenxa yokuxinana kwabantu okubangele ukungakwazi ukuphefumla (people crush asphyxiation).
UMantyi uMkhululi Lomalindi, kwisigwebo sakhe, ufumanise ukuba ukusweleka kwaba bantwana kwabangelwa kukungakhathali kwabantu abaliqela namaziko athile. Aba baquka abanini be-Enyobeni Tavern, uVuyokazi Ndevu noSiyakhangela Ndevu, umkhuseli walendawo uThembisa Diko, igosa leSAPS uSajini Thabile Kondile, kunye noZuko Lizani weBhodi yoTywala yaseMpuma Koloni.
ULomalindi ukwatyhole uSajini Kondile ngokungakhathali okukhulu, esithi wasilela ukulandela izikhalazo zoluntu malunga nokwaphulwa koMthetho woRhwebo loTywala e-Enyobeni Tavern kwinyanga enye phambi kwentlekele. Ngokutsho kwenkundla, oku kwashiya besengozini uluntu lwaseScenery Park.
Inkundla ifumanise ukuba bonke aba bantu namaziko asilela ukwenza imisebenzi yabo ngendlela efanelekileyo, nto leyo eyaba negalelo kwintlekele eyashiya iintsapho ezingama-21 zilahlekelwe ngabantwana bazo.
Inkundla ikwacebise ukuba uSajini Thabile Kondile, uVuyokazi Ndevu, uSiyakhangela Ndevu, uThembisa Diko kunye noZuko Lizani batshutshiswe ngokusemthethweni ngenxa yendima yabo kule ntlekele.
