
Imbethi manqindi u Zolani Tete waseMdantsane uxinaniselwe ngompu de wanabela uqaqaqa
by Lilitha Mdakana
UZolani “Last Born” Tete, owayesakuba yintshatsheli yehlabathi kumacandelo amabini omdlalo wamanqindi, udutyulwe wasweleka kwikhaya lakhe eNU17, eMdantsane.
Ngokweenkcukacha ezikhoyo, amapolisa asendaweni yexhwayelo uphando luqalile malunga nesiganeko esehlileyo. Nangona kunjalo, iinkcukacha ngesi siganeko zisencinci, kwaye ukusweleka kukaTete akukakaqinisekiswa ngokusemthethweni ngabasemagunyeni.
Ezi ndaba zothusayo ziza kwiiveki ezimbalwa emva kokuba uTete ebhengeze izicwangciso zokubuyela eringini, emva kokugqitywa kwesigwebo sakhe seminyaka emine. Ukunqunyanyiswa kwakhe kuthiwa kwaphela ekupheleni kukaJulayi, nto leyo eyavula indlela yokuba le mbethi-manqindi yaseMdantsane iphinde ijonge ukubuyela kwinqanaba lehlabathi.
UTete waziwa kakhulu kwihlabathi lamanqindi emva kokuba ephumelele izihloko zehlabathi ezimbini. Ukwabambe irekhodi leknockout ekhawulezayo kumlo wesihloko sehlabathi, emva kokuba ebethise uSiboniso Gonya ngemizuzwana nje kumlo wabo wesihloko seWBO.
Ukanti nanjengoko kungekaqinisekiswa ukusweleka kwakhe xa ubungqina buveza ubunyani besiganeko , oko kungaba yilahleko enkulu kwihlabathi lamanqindi nakuluntu lwaseMdantsane, indawo eyaziwa ngokuba yenye yeendawo eziphambili ekuveliseni iintshatsheli zamanqindi eMzantsi Afrika.
Uphando lusaqhubeka, kwaye kulindeleke ukuba iinkcukacha ezithe vetshe zikhutshwe ngabasemagunyeni njengoko amapolisa eqhubeka nomsebenzi wawo.
