Clicks Group ikhangela i Beauty Assistant, eMonti, eMpuma Koloni.

#EkhayaIspan 💯

 

INJONGO YOMSEBENZI

 

Ukubonelela abathengi ngenkonzo egqwesileyo, ululeko lobuchule ngemveliso yobuhle kunye nolusu, kunye nokulawula kakuhle impahla ukuze kuphuculwe ukuthengisa nokwakha ukuthembeka kwabathengi.

 

IMISEBENZI ENGUNDOQO

 

Ukuncokola nabathengi, uphendule imibuzo ngemveliso kwaye unike ululeko ngemveliso efanelekileyo.

 

Ukunyusa ukuthengiswa kwemveliso yobuhle ngokunyusa, ukuhambisa kunye nokuncoma iimveliso.

 

Ukuhlalutya intsebenzo yeemveliso kunye nokunika iingcebiso zokuphucula.

 

Ukuhlala unolwazi ngeemveliso ezintsha, iintengiso, neziganeko ezikhoyo.

 

Ulawulo lwempahla, ukunciphisa ilahleko, kunye nokugcina ucoceko nokucwangcisa kakuhle.

 

Ukuqinisekisa ukuba imveliso iboniswa kakuhle kwiivenkile.

 

Ukubonelela ngenkonzo enobubele neyangoku kumthengi.

 

Ukukhuthaza nokubhalisa amalungu amatsha eClubCard.

 

Ukukhuthaza iimveliso zeClicks ukuze kuphuculwe ingeniso kunye nokuthembeka kwabathengi.

 

 

IIMFUNO

 

IMFUNO EFUNEKAYO:

 

Ireyidi 12 (Grade 12)

 

 

KUNQENELEKILE:

 

Isiqinisekiso sobuhle/lolusu

 

Amava kwicandelo lobuhle, ukuthengisa okanye iFMCG

 

IZAKHELO NOLWAZI OLUFUNEKAYO

 

Ulwazi lweendlela zokuthengisa

 

Ulwazi malunga nemveliso yobuhle nolusu

 

Izakhono zonxibelelwano

 

Ukunxibelelana nabantu

 

Ukusebenza phantsi koxinizelelo

 

Ucwangciso kunye nokulandelela imiyalelo

 

Ukugxila kumphumo kunye nokwanelisa abathengi

 

Umhla Wokugqibela: 10 August 2025

Faka Isicelo Apha 👇 

 

COFA APHA

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯