BevCo – SHE & RISK ADMINISTRATOR, eKuGompo City.

#EkhayaIspan | 💯

 

BevCo ikhangela i-SHE & RISK ADMINISTRATOR, eKuGompo City, eMpuma Koloni.

 

Yintoni Efunekayo?

Lo msebenzi ungowokuxhasa iqela le-Operations ngemicimbi yezempilo, ukhuseleko nemithetho yendawo yomsebenzi (SHER). Uza kujongana nolawulo lweziganeko, ukuthotyelwa kwemigaqo, kunye nokuthintela iingozi emsebenzini.

Iimfuno eziphambili:

* IBanga le-12 (Grade 12).

* Isitifiketi se-SAMTRAC.

* I-Diploma yeSizwe kuLawulo loKhuseleko (National Diploma in Safety Management) – kuyinzuzo enkulu.

* Izifundo ze-SHEQ (ISO 9001, ISO 14001, ISO 18001).

* Ubuncinane iminyaka emi-3 yamava kwi-FMCG, kwi-Warehousing, nakwimisebenzi yeZempilo noKhuseleko (Health and Safety).

* Ukwazi ukusebenzisa i-MS Excel, MS Word, kunye ne-PowerPoint.

Indlela Yokufaka Isicelo

Eli lithuba elihle kakhulu eliza kunceda ulutsha lwaseMonti ukuba luqhubeke phambili. Qinisekisa ukuba ufake isicelo sakho ngaphambi komhla wokuvalwa.

* Umqhubi woHambo/Umqhagamshelwano: Busisiwe Mlobeli

* Ungasifaka isicelo sakho ngokusebenzisa amaqonga akwi-intanethi aphezukwale nqaku.

Umhla Wokuvala: 31 August 2026

FAKA ISICELO APHA 👇

 

COFA APHA 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯