AVBOB – General Workers, eQonce, eMpuma Koloni.

#EkhayaIspan | 💯

 

AVBOB ikhangela i General Workers, eQonce, eMpuma Koloni.

 

INKCAZELO YOMSEBENZI (JOB DESCRIPTION)

Sifuna umntu oza kuba noxanduva lokugcina ucoceko nokuqinisekisa ukuba i-ofisi ye-AVBOB ihlala icocekile ngokwemiqathango ephezulu.

Uya kusebenzela inkampani esekwe kakuhle eneminyaka engaphezu kwe-100 ubudala kwaye inemigangatho eqinileyo—umbutho obeka phambili uphuhliso lwabasebenzi kwaye uvuzisa ukusebenza okugqwesileyo.

IIMBOPHELELO ZIBANDAKANYA:

* Ukwenza imisebenzi yokucoca nokugcina imigangatho ephezulu yococeko kwiofisi

* Ukufunxa uthuli (Vacuum), ukutshayela nokuphala imigangatho yeofisi

* Ukosula uthuli kwifenitshala yeofisi nakwiintyatyambo

* Ukucoca iibhakethi zenkunkuma

* Ukucoca nokuhlamba izitya zokuhlambela izandla (hand basins), izindlu zangasese (toilets), nezinki (sinks)

* Ukujonga iphepha langasese nesepha ezindlwini zangasese

* Ukwenza iti nekhofi

* Ukuhlamba izitya namalaphu okuhlamba izitya

* Ukuzalisa iidispenza zeti nekhofi

* Ukuzalisa amanzi kwisipholisi samanzi (water cooler)

* Ukuhlamba iifestile zeofisi

IIMFUNO ZOMSEBENZI (JOB REQUIREMENTS)

* Ubuncinane Ibanga le-10 (Minimum Grade 10)

* Amava okucoca aya kuba yinzuzo

* Ukukwazi ukunxibelelana ngesiNgesi kuya kuba yinzuzo

* Ubudlelwane phakathi kwabantu obulungileyo (Good interpersonal)

 

Faka Isicelo Apha 👇 

COFA APHA 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯