Amabhinqa Asebenzayo | Cinga Dyala

Amabhinqa Asebenzayo | Cinga Dyala

20 June 2025

by Lilitha Mdakana 

 

Ngaphambi kokuba ufeze amaphupho akho kukho imiceli mingeni oye uhlangabezane nayo apha ebomini lonto leyo ikwenza ubengathi ungumntu okhangela isitya ebomnyameni kodwa oku akwehlanga ku Cinga Dyala oneminyaka engamashumi amathathu anesuthandathu (36)nowazalelwa kwindawo yase Ndevana kwi dolophu yase komani

 

UCinga waluqala uhambo lwakhe olusingise empumelelweni eneminyaka esixhenxe nalapho wayefudula incwadi ebalisa namabali,uthe xa eneminyaka elishumi(10) wanothando lokumamela iingxoxo, kodwa ke uqale ukuba ngumbhali wemibongo eneminyaka elishumi elinesihlanu, nalapho athe ngo nyaka ka 2016 wabe ushicilela incwadi yakhe yokuqala ethi ” Sihle Tells The Tale.

 

Uhambo lwakhe ke lumqhube de wabe ungu ngqa phambili we Pondo ngokuwina i award ye Business and Arts south Africa, ukanti ngo 2020 wakhethwa nje nge ambassador epondweni ye Business and Art South Africans programme kwangalo nyaka umnye uwine i award ye 200 young south African. Ukanti ngo 2021 wawina i award yobuqhawe yakwa Daily Dispatch kwangalo nyaka waphinda wawina ukhuphiswano lwemibongo kumabango omabini eyepondo nesithili. Ngo 2022 wabangusihlalo we Mdantsane Art centre nalapho asebenze iminyaka emibini ngaphambi kokubeka phantsi intambo ekuqaleni kuka 2024.

 

Le ncwadi esanda kushicilelwa eyaziwa ngokuba “A Black Girl With Big Dreams from Ndevana lacation to the world” yincwadi yakhe ayishicelele ukuze akwazi ukukhuthaza abo basuka kwindawo ezisezilalini nabanga jongelwanga ntweni kuzo, ukuze bayazi ukuba imvelaphi yabo ayichazi kamva labo.

Uthi uvule i organization ebizwa in yi Wold of Art Movement ngenjongo zokuba efuna abantwana bakwazi ukufikekelela kwimfundo ngezobuchule kunye neziphiwo zabo nanjengoko ekhuthazwa ngabantwana abancinci abasemsulwa nabanamandla wokuphupha ukogqitha imeko zabo.

Uthi ufuna ukubona abantwana abanezakhono ezahlukileyo nabasuka kwindawo ezihlelelekileyo bekhuthazeka ukubalisa imbali baveze italente zabo,ngokwandisa I World of Art Movement ukuze nomphi umntwana akwazi ukufikelela.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯