
Abarhanelwa babanjwe ngobulala eLibode.
ABARHANELWA ABATHATHU BABANJIWE NGOKUBULAWA NOKUTSHISWA KOMZI ELIBODE
Amapolisa aseMpuma Koloni abambe abarhanelwa abathathu abanxulumene nokubulawa kwendoda eneminyaka engama-79 nokutshiswa komzi wayo eTabase, eZibungu Administrative Area, kufuphi naseLibode.
Isithethi samapolisa, uBrigadier Nobuntu Gantana, uthe esi sehlo senzeke ngomhla wama-20 March 2026 ngethuba iqela labahlali kuthiwa lihlasele le ndoda indala besebenzisa iintonga, izixhobo ezibukhali kwakunye nompu. Le ndoda yasweleka kwindawo yesiganeko.
UGantana wongeze ngelithi emva kohlaselo, izakhiwo ezininzi kule kulomzi zatshiswa.
Indlu enamagumbi amathandathu, iirondaveli ezimbini kwakunye nesibaya zatsha, logama indlu enamagumbi amane yonakala kancinci.
Abarhanelwa abaneminyaka engama-35, 40, no-43 babanjwe ngobusuku bomhla wama-25 March 2026 ngexesha lomsebenzi owenziwe liqela leTactical Response Team kunye namagosa ophando aseLibode eZibungu A/A, eTabase naseNgcungcu.
Bajongene nezityholo zokubulala, ukutshisa ngabom kwakunye nokonakalisa umzi, kwaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.
Amapolisa athi uphando luyaqhubeka kwaye kusenokubakho ukubanjwa kwabanye abarhanelwa.
