
𝗔𝗯𝗮𝗳𝘂𝗻𝗱𝗶 𝗮𝗯𝗮𝘁𝗵𝗮𝘁𝗵𝘂 𝗯𝗮𝗵𝗹𝗮𝘁𝘆𝘄𝗲 𝗻𝗴𝗲𝗻𝘁𝘀𝗶𝗺𝗯𝗶 𝗻𝗴𝗲𝘅𝗲𝘀𝗵𝗮 𝗹𝗼𝗺𝗹𝗼 𝗲𝗟𝗲𝘀𝘀𝗲𝘆𝘁𝗼𝗻
By Lilitha Mdakana
𝗟𝗘𝗦𝗦𝗘𝗬𝗧𝗢𝗡 – 𝗔𝗯𝗮𝗳𝘂𝗻𝗱𝗶 𝗮𝗯𝗮𝘁𝗵𝗮𝘁𝗵𝘂 benzakele emva kokuba 𝗯𝗮𝗵𝗹𝗮𝘁𝘆𝘄𝗲 𝗻𝗴𝗲𝗻𝘁𝘀𝗶𝗺𝗯𝗶 ngexesha lomlo obusenzeka 𝗲𝗡𝗱𝗹𝗼𝘃𝘂𝗸𝗮𝘇𝗶 𝗛𝗶𝗴𝗵 𝗦𝗰𝗵𝗼𝗼𝗹 𝗲𝗟𝗲𝘀𝘀𝗲𝘆𝘁𝗼𝗻 ngo𝗠𝘃𝘂𝗹𝗼, 𝘂𝗺𝗵𝗹𝗮 𝘄𝗮𝗺𝗮-𝟮𝟰 𝗸𝘄𝗲𝘆𝗲𝗧𝗵𝘂𝗯𝗮 𝟮𝟬𝟮𝟲.
Ngokutsho 𝗸𝘄𝗲𝘀𝗶𝘁𝗵𝗲𝘁𝗵𝗮 𝘀𝗮𝗺𝗮𝗣𝗼𝗹𝗶𝘀𝗮 𝗮𝘀𝗲𝗠𝘇𝗮𝗻𝘁𝘀𝗶 𝗔𝗳𝗿𝗶𝗸𝗮 (𝗦𝗔𝗣𝗦), 𝘂𝗞𝗮𝗽𝘁𝗲𝗻𝗶 𝗬𝗼𝗹𝗶𝘀𝗮 𝗠𝗴𝗼𝗹𝗼𝗱𝗲𝗹𝗮, aba bafundi 𝗯𝗮𝘇𝗼𝗻𝘇𝗮𝗸𝗮𝗹𝗶𝗹𝗲 𝗻𝗴𝗲𝘅𝗲𝘀𝗵𝗮 𝘆𝗼𝗺𝗹𝗼 obubandakanya amaqela abafundi esikolweni. Amalungu e𝗞𝗼𝗺𝗮𝗻𝗶 𝗦𝗼𝗰𝗶𝗮𝗹 𝗖𝗿𝗶𝗺𝗲 𝗣𝗿𝗲𝘃𝗲𝗻𝘁𝗶𝗼𝗻 𝗨𝗻𝗶𝘁 afikile kwindawo yesiganeko ukuze 𝗸𝘂𝗻𝗴𝗲𝗻𝗲𝗹𝗲𝗹𝘄𝗲 𝗸𝘂𝘇𝗲 𝗸𝘂𝘇𝗮𝗺𝘆𝘄𝗲 𝘂𝗸𝘂𝘇𝗶𝗻𝘇𝗶𝘀𝗮 𝗶𝗺𝗲𝗸𝗼.
Amapolisa aqinisekisile ukuba 𝗶𝗺𝗲𝗸𝗼 𝗶𝘇𝗶𝗻𝘇𝗶𝗹𝗲 𝗻𝗴𝗼𝗸𝘂, kwaye amalungu amapolisa asele esendaweni yesiganeko ukuthintela 𝗲𝘇𝗶𝗻𝘆𝗲 𝗶𝘇𝗶𝗴𝗮𝗻𝗲𝗸𝗼 𝘇𝗼𝗯𝘂𝗻𝗱𝗹𝗼𝗹𝗼𝗻𝗴𝗮.
Akukacaci okwangoku ukuba 𝗶𝗺𝗲𝗸𝗼 𝘆𝗮𝗯𝗮𝗳𝘂𝗻𝗱𝗶 𝗮𝗯𝗼𝗻𝘇𝗮𝗸𝗮𝗹𝗲𝘆𝗼 𝗶𝗻𝗷𝗮𝗻𝗶, kwakunye nokuba 𝗸𝘂𝗵𝗼𝗻𝗮 𝗻𝗮 𝗼𝗺𝘂𝗻𝘆𝗲 𝗼𝗯𝗮𝗻𝗷𝗶𝘄𝗲𝘆𝗼 ngokunxulumene nesi siganeko.
Esi siganeko silandela 𝗶𝗶𝗻𝗴𝘅𝗲𝗹𝗼 𝗿𝗲𝗻𝗴𝗼𝘅𝗼 𝘇𝗼𝗯𝘂𝗻𝗱𝗹𝗼𝗹𝗼𝗻𝗴𝗮 kwesi sikolo ekuqaleni kwalo nyaka. 𝗨𝗽𝗵𝗮𝗻𝗱𝗼 𝗹𝘄𝗮𝗺𝗮𝗽𝗼𝗹𝗶𝘀𝗮 𝗹𝘂𝘀𝗮𝗾𝗵𝘂𝗯𝗲𝗸𝗮.
