UNogumbe wothunjo lweziyobisi eQonce
Abantu ababini babanjwe kuthini lweziyobisi olukhulu eQonce
Kutshanje kubanjwe abantu ababini eQonce emva kokuba amapolisa efumene iziyobisi ezixabisa malunga ne-R759,300 ngexesha lomsebenzi okhethekileyo wokuphanda.
Amapolisa athathe iipilisi ze-Mandrax ezingaphezu kwe-13,000, i-crystal meth (tik), imoto i-Volkswagen Polo ekrokreleka ukuba ibiwe, kunye nemali ekukholelwa ukuba yeyolwaphulo-mthetho.
Abarhwebi, indoda engumphambukeli kunye nomfazi ongumMzantsi Afrika, balindeleke ukuba bavele kwi-Nkundla yeMantyi yaseQonce ngomso, umhla we-4 Juni 2026, bejongene namatyala okurhweba ngenziyobisi ,
UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, u-Lieutenant General Vuyisile Ncata ,uncome iqela lamapolisa ngalo msebenzi uphumeleleyo, echaza ukuba esi sisibetho esikhulu kulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo kwiphondo lethu.mthetho.
Abarhwebi, indoda engumphambukeli kunye nomfazi ongumMzantsi Afrika, balindeleke ukuba bavele kwi-Nkundla yeMantyi yaseQonce ngomso, umhla we-4 Juni 2026, bejongene namatyala okurhweba ngenziyobisi.
UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, u-Lieutenant General Vuyisile Ncata , uncome iqela lamapolisa ngalo msebenzi uphumeleleyo, echaza ukuba esi sisibetho esikhulu kulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo kwiphondo lethu.
