
Disney Ize KuGompo City! Eli Lithuba Lakho Lokukhanya.
Yhuu iDisney Iyeza eKuGompo City! I-Hong Kong Disneyland® Izokubamba Ii-Auditions Zabaculi BaseMpuma Koloni
Kuqala ngqa embalini, iHong Kong Disneyland izokuba ne-auditions apha eMonti. Eli lithuba elikhulu lamazwe ngamazwe elivulelekileyo kwiimvumi ezinesiphiwo ezisuka kulo lonke eli laseMpuma Koloni.
Ezi auditions zenzelwa umboniso weqonga odumileyo kwiindawo ngeeindawo, i-Festival of the Lion King, kunye neminye iminyhadala eyenzeka eHong Kong Disneyland®. Abo baphumeleleyo balindelwe ukuqala iikhontrakthi zabo ngo-October ka-2026.
Iminyaka emininzi ezi auditions bezihlala zenzeka eRhawutini, eKapa naseThekwini kuphela, kodwa ngoku iMpuma Koloni ifakiwe nawo ngokusesikweni. Oku kuvulele iimvumi zasekhaya iingango zokuba ziziveze kwiqonga lehlabathi.
Iqela elizokuba liphethe i-auditions lifuna iimvumi ezizokudlala iindawo eziphambili ezifana no-Simba, Nala, Scar, kunye no-The Storyteller (Umbovali/Umbalisi-bali).
Iinkcukacha Ngee-Auditions:
* Umhla: NgoMgqibelo, we-13 kaSilimela (June)
* Ixesha: 10:00 kusasa
* Indawo: The Alexander Playhouse, eKuGompo City
* Isaziso: Kufuneka ubhalise kwangaphambili (pre-registration), akunyenziwa format ungenanga fomu.
Amagcisa azakuba nethamsanqa azakufumana ikhontrakthi yeenyanga ezintandathu zokuqala, enethuba lokuba ayandiswe okanye aphinde a-audite-le eminye imiboniso emva koko.
I-Festival of the Lion King yenye yezona mveliso zeqonga ezithandwa kakhulu eHong Kong Disneyland®, kwaye yaziwa ngamazwi ashukumisa umzimba, ukubaliswa kwamabali ngendlela emangalisayo, izinxibo ezihle, kunye neengoma ezaziwayo ezisuka kwifilimu i-Lion King.
Eli thuba lizakuguqula ubomi beemvumi ezininzi ezisakhulayo eMpuma Koloni, ngakumbi ulutsha lwasezilokishini nasezilalini olungafane luyifumane kwaphela i-access ekungeneeni kumajelo ezolonwabo aphesheya.
Ungabhala Njani Ubhaliso?
Ukuba ungumculi kwaye unomdla wokubamba eli thuba, bhalisa kwi-intanethi apha:
👉 Fom Yokubhalisela I-Audition
Ukuba unemibuzo okanye ufuna iinkcukacha ezithe vetshe, jonga apha:
