W&RSETA – PROJECT ADMINISTRATOR, eKuGompo City.

#EkhayaIspan | 💯

 

Wholesale and Retail Sector Education and Training Authority (W&RSETA) ikhangela i-PROJECT ADMINISTRATOR, eKuGompo City, eMpuma Koloni.

 

INJONGO YOMSEBENZI

Ukunika inkxaso yolawulo esebenzayo nengaphazamiyo kwingingqi yeMpuma Koloni, uqinisekisa ukuba iirekhodi zichanekile, ulwazi lufumaneka lula, kwaye namaxwebhu agcinwe ngendlela eyiyo.

OKUNYE OKUFUNEKAYO (MINIMUM REQUIREMENTS)

* iNational Diploma kwi-Public Administration okanye i-Public Management.

* Amava eminyaka emi-2 ukuya kwemi-3 kumsebenzi wolawulo (administration).

UXANDUVA LWESINGWENI

* Ukulawula nokugcina iirekhodi kunye neenkqubo zolwazi ezichanekileyo.

* Ukuqinisekisa ukuba amaxwebhu angenisiweyo neekontraka zichanekile kwaye zizaliswe ngokupheleleyo.

* Ukuqokelela nokulungisa amabango ngokwemigaqo neenkqubo ezimiselweyo.

* Ukugcina inkqubo yofayilo ecwangcisiweyo yawo onke amaxwebhu okusebenza.

* Ukulungisa amaxwebhu alungiselelwa uhlolo lwangaphandle (external moderation).

* Ukwenza iingxelo nokuqinisekisa ukuba umsebenzi ugqitywa ngexesha elimiselweyo.

* Ukufaka ulwazi lwabafundi (learners) ngokuchanekileyo kwinkqubo yekhompyutha.

* Ukulandelela ungeniso lwee-WSP nokunika ingxelo kwiqela leprojekthi.

* Ukuncedisa abachaphazelekayo (stakeholders) ngamaxwebhu e-WSP/ATR/PIVITOL.

* Ukuncedisa ekuphenduleni nasekusoluleni imibuzo nengxaki zabachaphazelekayo.

* Ukunika inkxaso ekulungiseleleni uphononongo lweencwadi zemali (audits) lwangaphakathi nolwangaphandle.

* Ukulawula unxibelelwano olusemgangathweni nabo bonke abachaphazelekayo.

* Ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwemigaqo ye-W&RSETA, i-PFMA, nemithetho efanelekileyo.

UMALUPEKE (SALARY)

R232 450 ngonyaka (iTotal Cost to Company)

OKUFUNEKAYO XA UFAKA ISICELO

Abafaki-zicelo kufuneka bathumele:

* i-CV ehlaziyiweyo.

* Ikopi ye-ID eqinisekisiweyo (certified).

* Iikopi zeziqu zemfundo eziqinisekisiweyo (ezingadlulanga kwiinyanga ezi-6 ziqinisekisiwe).

Izicelo ezifike emva kwexesha azisayi kuqwalaselwa. Kuya kuthathwa isigqibo ngokomgaqo we-Employment Equity.

INDLELA YOKUFAKA ISICELO

Thumela isicelo sakho kule imeyile: recruitment2@wrseta.org.za

Ibhekiswe ku: Libokanyo Khumalo (Senior Manager: HR)

Isihloko semeyile (Subject line): Project Administrator

 

UMHLA WOKUVALA: 16 kweyoKwindla (Matshi) 2026

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯