
W&RSETA – Administrative Intern, eButterworth.
#EkhayaIspan | 💯
W&RSETA ikhangela i-Administrative Intern, eButterworth, eMpuma Koloni.
I-Walter Sisulu University (WSU) kunye ne-Wholesale and Retail Sector Education and Training Authority (W&RSETA) imema abafundi be-TVET kunye ne-CET ukuba bafake izicelo ze-Administrative Internship kwi-Wholesale & Retail Leadership Chair (Eastern Cape).
Imisebenzi Ephambili
• Ukunika inkxaso yolawulo kwi-Leadership Chair kunye neqela leeprojekthi.
• Ukulungiselela iintlanganiso kunye nokulawula idayari.
• Ukugcina iinkqubo zokufayilisha, iinkcukacha (databases), kunye neerekhodi.
• Ukuncedisa ekuqokeleleni iinkcukacha (data collection) nokuqulunqa iingxelo.
Okufunekayo (Minimum Requirements)
• Isiqinisekiso semfundo (Qualification) kwenye yezi nalo: Wholesale and Retail Management, Business Administration, Management, Marketing, okanye Logistics/Supply Chain Management.
• Isakhono sekhompyutha (MS Word, Excel, PowerPoint, Outlook).
• Isakhono esihle sokunxibelelana (ngomlomo nangokubhala).
Iinkcukacha ze-Internship
• Isithabathaba (Stipend): R 9,000 ngenyanga.
• Umhla wokuvala: 15 May 2026 ngo-17:00.
Indlela yokufaka isicelo
Thumela i-CV, ubungqina bokubhalisa kulo nyaka, iikopi zeziqinisekiso zemfundo eziqinisekisiweyo (certified), kunye neenkcukacha zabantu abanokunika ubungqina (referees) kule imeyile: Leadershipchair@wrseta.org.za uybhekise ku-Itebogeng Masibigiri.
