WORKING WOMEN WEDNESDAY | Thabisa Busisiwe Gagela

WORKING WOMEN WEDNESDAY | Thabisa Busisiwe Gagela 

By Lilitha Mdakana 

18 June 2025

 

> “Impumelelo yakho isezandleni zakho“

Ubom ngumzamo kumntu wonke kodwa ngamandla into engalinganiyo koko umtu ngamnye uhlala egawula ewarhuqa ngalo lonke ixesha ukuzama ukuhlangabezana nemiceli mingeni anayo apha ebomini  oku sikubona nge ntwazana egama lingu Thabisa Busisiwe Gagela oneminyaka engamashumi amane anesibini(42) nowazalelwa kwindawo yase Cofimvaba kwilali yase Sikhobeni.

 

Ufunde kwizikolo ezahlukeneyo nalapho athe wabe uphumelela ibanga lakhe leshumi kwisikolo i Althorpe College e Monti, njengaye nawuphi umntu osakhulayo ozama ubom amaphupho ebekhangela isitya ebomnyameni ze wafunda kwi dyhunivesithi i Walter Sisulu nalapho afike wenza khona izifundo ze Marketing. Ngenxa yokuzazi nokuziqonda ubonile ukuba intliziyo yakhe, uthando lwakhe lukwicala lokupheka.

 

Ubhenele kwisikolo esiqeqeshela ukupheka i Culinary school of Chef (Blue Ribbon) kwalapha e Monti. Uhambo lwakhe ibikukuqala iphepha elitsha ngobom bakhe kuba namhlanje ungomnye wosomashishini abaziwayo kodwa nangona kunjalo uqale ngokusebenza phantsi kwabanye abantu nalapho athe wabe udwelisa ulwazi lwakhe ngakumbi kwezokupheka, kwindawo asebenze kuzo ndingabalula i Blue lagoon hotel, Wild Coast kunye ne  Mpekweni Veach Resort.

 

Ngo 2014 wathatha inyathelo elikhulu kakhulu lokuzimela ngenkqayi elangeni ngokuthi aqale elakhe ishishini elaziwa ngokuba Yonatha Trading and Projects, apho ebegxile khona kwi thenda ezakhela igama kwezamashishini, elo phupha alikhange libe liphelele apho kuba ngo 2023 kuvele ithuba kwakhona nalapho athe wabe uthatha isigqibo sokunyusa indawo azalelwe kuyo ngokuthi anike inkxaso kubantu base Sikhobeni.

 

Ngokuqhutuwa ngulo mbono uye wakha ubudlelwane kunye ne Siyanqoba elishishini eligxile ekunyuseni impilo zabantu bathe babe bavula indawo yokuzivoca voca nalapho wonke umntu ekuhlaleni angathi akwazi ukufikeleleka khona nangenxa yokwazi imeko yelali bayenza yanamaxabiso afikelelekayo ukwazi ukuxakeka kwabantu nexesha lokuvula livumela nabasebenza mihla le. Kwezo somashishini ungumphathi we ndawo ekufikela abahambi bendawo ngendawo abangenazihlobo zilapho abadinga ukuphumla  eyaziwa ngokuba Yi Willie Guest House.

Intetho yakwa xhosa ithi funda ukhumbule ikhaya, kwaye ungawulibali umnombo wakho, uzakhile wafeza amaphupho akhe wakhuthaza abaninzi wabanika ithemba, amandla ukuze bazikhumbule.  Ulandele ekhondweni lokwakha imbokodo zeli lo Mzantsi Afrika ngokuthi akhumbuze ulutsha lwasetyhini oluzalelwe esikhobeni ukuba nalo lunabo ubom ngaphandle kokuzalelwa ezilalini ulandela amagama athi nokuba kunzima kangakanani kodwa xa amaphupho ekhona aya kufuzeka.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯