Wheco Group -Marketing Manager, eGqebehra.

#EkhayaIspan |💯

 

Wheco Group ikhangela i-Marketing Manager, eGqebehra, eMpuma koloni

 

​IINDIMA EZIPHAMBILI:

 

​Ukukhokela iqela lezokuthengisa.

​Ukucwangcisa kunye nokuqhuba amaphulo (campaigns) okuphakamisa iibrendi.

​Ukuvelisa nokusasaza imixholo (content) yewebhusayithi nezentengiso.

​Ukuqinisekisa ukuba iibrendi zihlala zikumgangatho ofanelekileyo kuzo zonke ijelo.

​Ulawulo lweentengiso neepramoshoni ezingekho kwi-intanethi.

​Ukuhlalutya idatha yentengiso ukuchonga amathuba okukhula.

​Ukusebenzisana namanye amasebe ukuphumeza iinjongo zoshishino.

 

​IZAKHONO NEEMFUNO:

 

​Amava okukhokela kwiinkqubo zokuthengisa (marketing leadership).

​Izakhono ezigqwesileyo zokulawula iiprojekthi (project management).

​Ukucinga ngobuchule nokuphumeza izicwangciso.

​Ubuchule obuhle bokusombulula iingxaki nokunxibelelana nabanye.

​Amava okusebenza ngeebrendi ezininzi (multiple brands).

​Ukuqonda ngokunzulu imiba yezorhwebo (commercial and analytical).

​Ukwazi ukulawula imisebenzi emininzi ngaxeshanye kwindawo ekhawulezayo.

 

​IIMFUNO EZINCINCI:

 

​Idiplooma kwi-Marketing, Communications, okanye kwi-Business Management. (Iidigri ziya kuba luncedo).

​Ilayisensi yokuqhuba esebenzayo.

​Iminyaka emi-3 ukuya kwemi-5 yamava kwi-marketing okanye kwi-brand management, kubandakanya amava okukhokela.

 

Umhla Wokuvala :31 August 2026

 

Faka Isicelo Apha 👇

 

COFA APHA

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯