UMLILO WASEZWELITSHA: OMNYE UMRHANELWA UBULEWE, OMNYE USESIBHEDLELE, ABATHATHU BABANJIWE

By Lilitha Mdakana

 

Emva kodushe  lodubulwano phakathi koonqevu  kunye nabakwantsana eZwelitsha kwi ndawo yase Qonce, kukrokeleka ukuba bebeyokuphanga kwenye yeevenkile bebeyokweba  nalapho lithe labatshonela emini.

Omnye umrhanelwa ubulewe, Logama  omnye elele ngandletyana nye esibhedlele, ukanti isithathu sikwesimnyama isisele entilongweni kulandela ukudubulana phakathi kwamapolisa nabasolwa abatyholwa ngokubandakanyeka ekuphangweni kwevenkile eQonce.

Ngokutsho kwe-South African Police Service (SAPS), amapolisa aqalise ukulandela abarhanelwa emva kokufumana ingxelo yokuphangwa okwenzeke eQonce. Amapolisa athi olu phando lukhokelele ekubeni abarhanelwa balandelwe ukuya kufika eZwelitsha malunga nentsimbi yokuqala emini ngoLwesihlanu, ngowama-22 ka-Agasti 2026.

I-SAPS ithi xa amagosa afika kule ndawo, adutyulwe ngomnye wabarhanelwa, nto leyo eyakhokelela ekubeni amapolisa aphendule ngompu ukuzikhusela. Ngethuba lokudubulana, omnye umrhanelwa wadutyulwa waza wasweleka kwindawo yesiganeko.

Omnye umrhanelwa kuthiwa wonzakele ngexesha lokudubulana waza wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango. Uhlala phantsi kweliso lamapolisa. Abanye abarhanelwa abathathu babanjwe kwindawo yesiganeko.

I-SAPS iqinisekisile ukuba akukho gosa lamapolisa elenzakeleyo ngexesha lokudubulana.

Indawo yesiganeko isavalelwe njengoko kusenziwa uphando lwe-forensics kunye ne-ballistics ukuze kuqokelelwe ubungqina obunokunceda kuphando. I-Independent Police Investigative Directorate (IPID) nayo yazisiwe, yaza yaqalisa inkqubo yayo yophando ngokuzimeleyo malunga nokusetyenziswa kwemipu ngamapolisa, njengoko kufunwa ngumthetho.

Amapolisa athi bonke abarhanelwa abahlanu banxulunyaniswa nokuphangwa okwenzeke eQonce. I-SAPS income amagosa ayo ngokuphendula ngokukhawuleza kwisiganeko, isithi ungenelelo lwawo luncede ukuthintela enye ingozi nokubamba bonke abarhanelwa.

Uphando malunga nokuphangwa kunye nokudubulana lusaqhuba, kwaye kulindeleke ukuba abarhanelwa ababanjiweyo bavele enkundleni emva kokuba iinkqubo zophando zigqityiwe.

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯