UMFUNDI WE-WSU UMISA UNDUNANKULU NEYUNIVESITHI ENKUNDLENI NGEBHASARI

 

Umfundi waseWalter Sisulu University (WSU) umise uNdunankulu weMpuma Koloni nale yunivesithi phambi kweNkundla ephakamileyo yaseBhisho, ngenxa yebhasari yephondo engahlawulwanga nembeka esichengeni izifundo zakhe.

UYonwaba Nabhanti uthi i-Ofisi kaNdunankulu isilele ukuzekelisa ibhasari awayeyinikiwe ngo-Apreli 2024, ebimele ukuhlawula izifundo zakhe nezinye iindleko zonyaka ka-2024, 2025 kunye no-2026. Ngaphandle kwesi sivumelwano, uthi akukho ntlawulo yenziwayo kowe-2024 naku-2025, nto leyo emshiye engakwazi ukubhalisela unyaka wakhe wokugqibela ngaphandle kokuba loo tyala lihleliwe ungadlulanga umhla we-27 kuFebruwari.

Igqwetha lakhe lifake isicelo esingaxhamisiyo (urgent application), liphicotha ukuba ukusilela ekuhlawuleni kungekho mthethweni kwaye kuchasene noMgaqo-siseko. UNabhanti ucela inkundla ukuba inyanzelise i-ofisi kandumankulu ukuba ihlawule loo masele, kwaye iyalele i-WSU ukuba imvumele ukuba abhalise kwisithuba sosuku olunye emva kokuba kukhutshwe isigqibo. Eli tyala liza kuviwa ngo-20-24 kuFebruwari.

 

Mzansi Ekhaya

Mzansi Ekhaya is a vital online platform on a mission to amplify the Eastern Cape media space. (a MON'T Agency Management) 💯